Footnote
f Amathuba okuvelisa iindidi ezintsha zezityalo ngokuguqula imizila yemfuza ngokuphindaphindiweyo ayencipha, kunoko kwavela izityalo ezifanayo kunokuveliswa kwezintsha. Ngokuphuma koku, lo kaLönnig wamisela “umthetho wokuguquka okufanayo.” Ukongezelela, izityalo ezingaphantsi kwesinye ekhulwini ezaguqulwa imizila yemfuza zakhethwa ukuze kwenziwe kuzo uphando olungakumbi, yaye zingaphantsi kwesinye ekhulwini ekwafunyaniswa ukuba zingathengiswa. Kwenzeka amanyundululu angaphezu kwalawo enzeka kwizityalo kwiphulo lokuguqula imizila yemfuza kwizilwanyana, kangangokuba loo nkqubo yayekwa ngokupheleleyo.