Footnote
a UKumkani uKoreshi wamaPersi kwakubhekiselwa kuye maxa wambi ngokuthi “uKumkani waseAnshan”—iAnshan ingummandla okanye isixeko sakwaElam. AmaSirayeli omhla kaIsaya—ngenkulungwane yesibhozo ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo—ayesenokuba ayengayazi iPersi, kodwa ayelazi elakwaElam. Esi isenokuba sisizathu sokuba uIsaya apha akhankanye elakwaElam kunokuthetha ngePersi.