Footnote
b Emva kokoyiswa kukaSenaribhe, iintlanga eziselumelwaneni zazisa izipho zegolide, isilivere, nezinye izinto ezixabisekileyo kuHezekiya. Kweyesi-2 yeziKronike 32:22, 23, 27, sifunda ukuba “uHezekiya waba nobutyebi nozuko olukhulu kakhulu” kwanokuba “waphakanyiswa emehlweni azo zonke iintlanga.” Ezi zipho zisenokuba zamnceda ukuba ayizalise kwakhona indlu yakhe yobuncwane, awayeyiqongqothile xa wanika ama-Asiriya intlawulo.