Footnote
a NgokweSityhilelo 12:1-17, ‘umfazi’ kaThixo wasikelelwa kakhulu ngokuzala eyona “nzala” ibalulekileyo—kungekhona unyana omnye wokomoya, kodwa uBukumkani bukaMesiya ezulwini. Bazalwa ngowe-1914. (Bona incwadi ethi ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!, iphepha 177-86.) Isiprofeto sikaIsaya sinikel’ ingqalelo kuvuyo analo ngenxa yokusikelelwa nguThixo ngoonyana abathanjisiweyo emhlabeni.