Footnote
c AbaFarisi babebagqala abantu abasweleyo, abangawaziyo uMthetho, ‘njengabaqalekisiweyo.’ (Yohane 7:49) Babesithi abafanele bafundiswe abantu abanjalo yaye akufanele kushishinwe nabo okanye kutyiwe nabo okanye kuthandazwe nabo. Ukuvumela komntu intombi yakhe ukuba itshate nomnye wabo kwakukubi ngaphezu kokuyidlisa ngamarhamncwa asendle. Babebagqala abantu abasweleyo abanjalo njengabangafanelwe lithemba lovuko.