Footnote
a IKoran iyathetha ngokuzalwa kukaYesu kwiSurah 19 (uMariya). Ithi: “Sathumela [kuMariya] umoya Wethu okwimo yomntu okhule ngokupheleleyo. Akuwubona wathi: ‘Wanga Lowo Unenceba angandikhusela kuwe! Ukuba uyayoyika iNkosi, ndiyeke uze uhambe indlela yakho.’ Wona waphendula wathi, ‘Ndisisithunywa seNkosi yakho, yaye ndize kukunika unyana ongcwele.’ Yena waphendula wathi, ‘Ndingamzala njani na umntwana, ndiyintombi enyulu nje, engazani nandoda?’ Wona waphendula wathi, ‘Oko kuyintando yeNkosi yakho. Asiyonto inzima leyo Kuyo. “Uya kuba ngumqondiso eluntwini, nentsikelelo evela Kuthi,” itsho iNkosi. Lowo ngummiselo Wethu.’”