Footnote
c Igama elithi “Sathana,” livela izihlandlo eziyi-18 kwiZibhalo ZesiHebhere. Kodwa kwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, livela ngaphezu kwezihlandlo eziyi-30. Ifanelekile loo nto kuba kwiZibhalo ZesiHebhere akuthethwa nto ingako ngaye, kunoko eyona nto kuthethwa ngayo kakhulu yindlela aza kubonakala ngayo uMesiya. Xa wafikayo uMesiya, wambhenca ngokupheleleyo uSathana. Loo nto kuthethwa ngayo kwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike.