Footnote
c UJosephus ubhala ngezinto ezenzeka phakathi kokuhlaselwa kweYerusalem okokuqala ngamaRoma (ngowama-66 C.E.) nokutshatyalaliswa kwayo: “Ebusuku kwabakho isiphango esinamandla; kwabakho inkanyamba, kwabakho izandyondyo zemvula, kwakudanyaza imibane ngokuqhubekayo, iindudumo zazisitsho ngezithonga ezoyikisayo, kwavakala izandi ezothusayo zokunyikima komhlaba. Oku kuwohloka ngokupheleleyo kwenkqubo yezinto kwayifuzisela ngokucacileyo intlekele eyayizela uluntu, yaye akukho namnye owayenokuthandabuza ukuba la mashwa ayexela intlekele eyayingenakuthelekiswa nanto.”