Footnote
c Le yimpazamo eyenziwa ziinkonzo ezininzi zeNgqobhoko. Igama elithi amaLuthere ligama iintshaba zikaMartin Luther ezalinika abalandeli bakhe, abathi bona balamkela. Ngokufanayo, amaBhaptizi amkela igama awalinikwa ngabanye ngenxa yokuba ayefundisa ubhaptizo ngokuntywiliselwa. Ngendlela efanayo, amaWesile amkela igama awalinikwa ngomnye umntu. Ngokuphathelele indlela uMbutho Wabahlobo owaqalisa ngayo ukubizwa ngokuthi abaNgcangcazeli, iThe World Book Encyclopedia ithi: “Igama elithi Mngcangcazeli ekuqaleni lalisisithuko kuFox [umseki], owaxelela umgwebi oliNgesi ukuba ‘angcangcazele ngenxa yeLizwi leNkosi.’ Lo mgwebi wabiza okaFox ngokuthi ‘ngumngcangcazeli.’”