Footnote
b Iphephancwadi iTrost (Consolation), elalipapashwa yiWatch Tower Society eBern, eSwitzerland, ngoMeyi 1, 1940, iphepha 10, ladiza ukuba ngesinye isihlandlo amaNgqina kaYehova angamabhinqa eLichtenburg ayengasifumani isidlo sasemini iintsuku ezili-14 ngenxa yokuba engazange avume ukwenza uphawu lokubonisa imbeko xa kwakuculwa iculo lamaNazi. Kwakukho amaNgqina kaYehova angama-300 apho.