Footnote
a IThe New Encyclopædia Britannica, ithi, “ukuvela ngokutsha” kuthetha “ukuzalwa kwakhona komphefumlo kwisihlandlo esinye okanye ezingaphezulu ezilandelelanayo, okunokuba ngumntu, isilwanyana, okanye, ngamanye amaxesha, isityalo.” Kwakhona ibinzana elithi “ukuzalwa kwakhona” likwasetyenziswa ukuchaza eli binzana, kodwa igama elithi “ukuvela ngokutsha” lamkelwa ngokubanzi. Izichazi-magama eziliqela zeelwimi zaseIndiya zisebenzisa la magama elinye endaweni yelinye.