Footnote
a Ezinye iinguqulelo kule ndinyana zithi umntu ochukumisa abantu bakaThixo akachukumisi iliso likaThixo, kodwa uchukumisa elikaSirayeli okanye elakhe. Le mpazamo yavela kubabhali bamaxesha aphakathi, abathi ngemizamo yabo etenxileyo yokulungisa izicatshulwa ababezigqala njengezingabonakalisi ntlonelo, bayiguqula le ndinyana. Ngaloo ndlela bawenza awabonakala umlinganiselo wovelwano lukaYehova.