IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS

Footnote

a Amanye amaKristu asebenza kwizibhedlele kuye kwafuneka ayiqwalasele le nkalo yegunya. Ugqirha usenokuba negunya lokuodola amayeza ukuze kunyangwe umguli. Enoba umguli akakwali oko, kunokwenzeka njani ukuba ugqirha ongumKristu onegunya ayalele ukuba kutofelwe igazi okanye akhuphe isisu, ekwazi oko kuthethwa yiBhayibhile ngemibandela enjalo? Ngokwahlukileyo koko, umongikazi oqeshwe esibhedlele usenokungabi nalo igunya elinjalo. Njengoko esebenza, usenokuyalelwa ngugqirha ukuba ahlole igazi ngenxa yenjongo ethile okanye anyamekele umguli oze kuqhomfa. Ngokufanayo nomzekelo obhalwe kweye-2 yooKumkani 5:17-19, usenokugqiba ngelithi ekubeni ingenguye onegunya lokulungiselela olo tofelo-gazi okanye akhuphe eso sisu, usenokuqhubeka enikela uncedo kubaguli. Kakade ke, usamele acinge ngesazela sakhe, ‘njengoziphethe ngesazela esihlambulukileyo phambi koThixo.’—IZenzo 23:1.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share