Footnote
a Emva kokufa kukaC. T. Russell, kwalungiselelwa umqulu wesixhenxe weStudies in the Scriptures kuzanywa ukuchaza incwadi kaHezekile neyeSityhilelo. Lo mqulu, ngokuyinxenye wawusekelwe kumagqabaza awayenziwe ngulo kaRussell ngezo ncwadi zeBhayibhile. Noko ke, lalingekafiki ixesha lokutyhila intsingiselo yezo ziprofeto, yaye ngokubanzi, ingcaciso eyayikuloo mqulu weStudies in the Scriptures yayiluzizi. Kwiminyaka elandelayo, ububele obungasifanelanga bukaYehova nenkqubela kwiziganeko zehlabathi ziye zabangela ukuba amaKristu ayiqonde ngokuchane ngakumbi intsingiselo yezo ncwadi zesiprofeto.