Footnote
a Ungqameko oluhle olwenziwe ngamatye, oluziikubhite ezintathu ukuphakama, lwalusahlula iNkundla yabeeNtlanga kwintendelezo engaphakathi. Ngamathub’ athile, kwakubekwa imiqondiso kolu donga, eminye yayibhalwa ngesiGrike eminye ngesiLatini: “Akukho mntu wolunye uhlanga uvumelekileyo ukudlula kolu donga nakolu cingo lujikeleze ingcwele. Nabani na oye wafunyanwa apha uya kubulawa.”