Footnote
a Nakuba iinguqulelo ezininzi ziguqulela ibinzana lesiHebhere elithi ’eʹrets ngokuthi “ilizwe” endaweni yokuthi “umhlaba,” akukho sizathu sokucinga ukuba eli gama lisetyenziswe kwiNdumiso 37:11, 29 libhekisela kuphela kwilizwe elanikwa uhlanga lwamaSirayeli. IOld Testament Word Studies ebhalwe nguWilliam Wilson, ichaza igama elithi ‘eʹrets ngokuthi “ubukhulu becala lithetha umhlaba, ummandla ohlala abantu nongahlali bantu; kanti kwelinye icala eli gama lisenokuthetha inxalenye ethile yomhlaba okanye yelizwe.” Ngoko ke, ngokuyintloko eli gama libhekisela kwisijikelezi-langa sethu, umhlaba.—Funda IMboniselo kaJanuwari 1, 1986, iphepha 31.