Footnote
a Eyona mibhalo-ngqangi yeBhayibhile inokuthenjwa ayinayo indinyana 44 neyama-46. Abaphengululi bathi kusenokwenzeka ukuba ezi ndinyana zimbini zongezelelwa kamva. UNjingalwazi Archibald T. Robertson uthi: “Eyona mibhalo-ngqangi midala nesemagqabini ayinazo ezi ndinyana zimbini. Zavela xa kwakusahlulahlulwa imibhalo-ngqangi yaseNtshona neyaseSiriya (eByzantine). Zikukuphindaphindwa nje kwendinyana 48. Ngenxa yoko siyazishiya ezi ndinyana zimbini kuba azichananga.”