Footnote
a Ukuba lidla-kudla kuxhomekeka kwisimo sengqondo onaso, esokubawa okanye ukuzifica ngokugqithiseleyo. Ngoko ke, akuxhomekeki kubukhulu bomzimba kabani, kodwa kwindlela akujonga ngayo ukutya. Umntu usenokuba nomzimba nje oqhelekileyo, okanye abe luswazi, kodwa abe elidla-kudla. Kwelinye icala, abanye abantu batyeba ngokugqithiseleyo kuba nje begula, okanye ngenxa yemfuza. Eyona nto kuthethwa ngayo apha, kungakhathaliseki ukuba umntu unomzimba ongakanani, kukubawa kwakhe xa kufikelelwa ekutyeni.—Funda “Imibuzo Evela Kubafundi” kwiMboniselo kaNovemba 1, 2004.