Footnote
c Ukungakhankanywa kwegama likaYosefu kubulungiseleli bukaYesu kuyaphawuleka kuba amanye amalungu entsapho yakowabo—unina, abantakwabo noodadewabo—kuyathethwa ngawo. Ngokomzekelo, kumtshato owawuseKana, uMariya wayenenxaxheba kwizinto ezazisenziwa, kodwa akuthethwa nto ngoYosefu. (Yohane 2:1-11) Kwesinye isiganeko, abantu bedolophu yakuloKristu babesithi uYesu ‘ngunyana kaMariya,’ kungekhona unyana kaYosefu.—Marko 6:3.