Footnote
b Isiqendu 8: Esinye seziganeko ezikhankanywe kwezi vesi ‘kukuhlanganisela ndawonye abo banyuliweyo.’ (Mat. 24:31) Ngoko ke, kubonakala ukuba kuya kubakho isihlandlo apho bonke abathanjiswa abasesemhlabeni emva kokudlula kwenxalenye yokuqala yembandezelo enkulu beya kuphakanyiselwa emazulwini ngaphambi kokuqhambuka kwemfazwe yeArmagedon. Kule nkalo siye sazikisa ukucinga ngokuphathelele oko kwathethwa kwinqaku elithi “Imibuzo Evela Kubafundi” kwiMboniselo ka-Agasti 15, 1990, iphepha 30.