Footnote
a Abanye abaphengululi beBhayibhile bathi uYude wacaphula kwincwadi engaphefumlelwanga eyabizwa ngokuba yiNcwadi KaEnoki. Loo ncwadi inezinto ezabhalwa ngumntu ekungaqinisekwanga ngaye kwaye ithetha izinto ezingekhoyo ngoEnoki. Yona ichanile ngesiprofeto sikaEnoki, kodwa naso imele ukuba yasithatha kwizithethe okanye kwiincwadi zakudala ezingasafumanekiyo. Mhlawumbi noYude wasebenzisa kwaezo ncwadi, okanye abe ke wafunda ngoEnoki kuYesu owabona indlela awayephila ngayo uEnoki esezulwini.