Footnote
b UMFANEKISO: Umzalwana uze kubanjwa emzini wakhe. Umfazi nentombazana yakhe babukele. Ngeli xesha asetrongweni, bakunye nabazalwana noodade kunqulo lwentsapho. Umama nentombazana yakhe bamcela qho uYehova ukuba abaphe amandla okuyinyamezela le ngxaki. UYehova ubenza bazole baze bangoyiki. Ezi zinto ziya ziluqinisa ukholo lwabo ukuze bakwazi ukunyamezela bevuya.