Footnote
a Simthanda kakhulu uYehova kangangokuba sifuna ukumenzela yonke into esinokukwazi ukumenzela yona. Yiloo nto abanye bethu befuna ukusebenza kakhulu entsimini okanye ebandleni. Kodwa siza kuthini xa singakwazi ukude sizenze ezinye izinto esifuna ukuzenza nokuba sizama kangakanani? Yintoni enokusinceda sihlale sixakeke ngumsebenzi kaYehova futhi sihlale sivuya? Impendulo siyifumana kumzekeliso kaYesu weetalente.