Footnote
a KwiLizwi lakhe, uYehova uyasiqinisekisa ukuba usoloko efuna ukubaxolela abantu abamonileyo xa beguqukile. Kodwa ngamanye amaxesha sisenokucinga ukuba akusifanelanga ukuxolelwa nguye. Kweli nqaku, siza kuthetha ngezizathu zokuba siqiniseke ukuba uThixo usoloko efuna ukusixolela xa sizisola nyhani ngezinto ezimbi esizenzileyo.