Footnote
a Kweli hlabathi likhohlakeleyo kunzima ukufumana abantu abangamalungisa. Kodwa baninzi abantu abazama ukuphila ngendlela yobulungisa. Ngokuqinisekileyo ungomnye wabo. Uzama ukuphila ngale ndlela kuba uyamthanda uYehova ibe uYehova uyabuthanda ubulungisa. Yintoni esinokuyenza ukuze siye sisiba nalo olu phawu luthandekayo? Kweli nqaku siza kuva ukuba buyintoni ubulungisa nokuba ukubuthanda kungasinceda njani. Siza kuva nokuba ziintoni esinokuzenza ukuze siye siluthanda olu phawu.