Footnote
a Intlungu engathethekiyo seyiza kuqala. Ukuze sililungele eli xesha liza kuba lelona linzima ebantwini, kuza kufuneka sinyamezele, sibavele size sibathande abantu. Siza kuthetha ngendlela amaKristu awayephila ngexesha labapostile awazibonisa ngayo ezi mpawu, sibone indlela esinokuwalinganisa ngayo, nokuba ezi mpawu ziza kusinceda njani thina siyilungele intlungu engathethekiyo.