NgoLwesihlanu, Oktobha 17
Qhubekani nihamba njengabantwana bokukhanya.—Efe. 5:8.
Ukuze siqhubeke sihamba njengabantwana bokukhanya, siyawudinga umoya kaThixo. Kutheni sisitsho? Kaloku kunzima nyhani ukuhlala uziphethe kakuhle kweli hlabathi liziphethe kakubi kangaka. (1 Tes. 4:3-5, 7, 8) Umoya oyingcwele unokusinceda silwe nendlela elicinga ngayo eli hlabathi. Kaloku lona alijongi izinto ngendlela uThixo azijonga ngayo. Enye into onokusinceda kuyo kukuba sibe ngabantu ‘abalungileyo kuyo yonke into, senze ubulungisa.’ (Efe. 5:9) Enye indlela esinokuwufumana ngayo umoya oyingcwele kukuthandaza, siwucele. UYesu wathi uYehova uza ‘kubapha umoya oyingcwele abo bamcelayo.’ (Luka 11:13) Naxa sikunye kwiintlanganiso, sidumisa uYehova, siyawufumana umoya oyingcwele. (Efe. 5:19, 20) Lo moya kaThixo unefuthe lokusinceda siphile ngendlela emvuyisayo. w24.03 23-24 ¶13-15
NgoMgqibelo, Oktobha 18
Qhubekani nicela, niza kuphiwa; qhubekani nifuna, niza kufumana; qhubekani ninkqonkqoza, niza kuvulelwa.—Luka 11:9.
Uyafuna ukuya usiba nomonde? Ukuba uthi ewe, luthandazele olu phawu. Umonde luphawu lwesiqhamo somoya. (Gal. 5:22, 23) Ngoko sinokuwuthandazela, sicele uYehova asincede sibe nesiqhamo sawo. Ukuba kwenzeka into efuna sibonise ukuba sinawo na umonde, ‘sinokuqhubeka sicela’ uThixo asiphe umoya wakhe oyingcwele ukuze usincede sibe nawo. (Luka 11:13) Sinokumcela nokuba asincede sizibone ngendlela yakhe izinto. Emva kokuba sithandazile, yonke imihla simele senze konke okusemandleni ethu ukuze sibe nomonde. Ukuba siqhubeka sithandazela ukuba nomonde, size sisoloko sizama ukuba nawo, uYehova uza kusinceda sibe nawo kakhulu nokuba besikade singenawo. Kuza kusinceda nokucingisisa ngabantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni. Ithetha ngabantu abaninzi ababenomonde. Xa sicingisisa ngamabali abo, sinokufunda iindlela zokubonisa umonde. w23.08 22 ¶10-11
NgeCawa, Oktobha 19
[Hlisani] iminatha yenu ukuze nibambise iintlanzi.—Luka 5:4.
UYesu wamenza waqiniseka umpostile uPetros ukuba uYehova uza kumnika izinto azidingayo. Emva kokuba evusiwe, wenza uPetros nabanye abapostile baphinda babambisa iintlanzi ngendlela emangalisayo. (Yoh. 21:4-6) Ngokuqinisekileyo lo mmangaliso wenza uPetros waphinda waqiniseka ukuba uYehova soze axakwe kukumnika izinto azidingayo. Mhlawumbi wakhumbula into eyathethwa nguYesu, esithi uYehova uza kubanika izinto abazidingayo abo ‘bafuna kuqala uBukumkani.’ (Mat. 6:33) Ngenxa yaloo nto, ukushumayela kwaba yeyona nto ibalulekileyo kuPetros kuneshishini lokuloba. NgePentekoste ka-33 C.E. washumayela ngesibindi, enceda amawaka abantu bamkele iindaba ezilungileyo. (IZe. 2:14, 37-41) Emva koko wanceda amaSamariya nabantu abangengomaYuda bafunda ngoKristu baza bamlandela. (IZe. 8:14-17; 10:44-48) Ngokuqinisekileyo uYehova wamsebenzisa kakhulu ukuze ancede zonke iintlobo zabantu zibe kwibandla lamaKristu. w23.09 20 ¶1; 23 ¶11