IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
Wamkelekile.
Esi sisixhobo sokuphanda kwiincwadi eziveliswe ngamaNgqina kaYehova ngeelwimi ezahlukahlukeneyo.
Xa ufuna ukudawunlowda iincwadi, sicela ungene kwi- jw.org.
  • Namhlanje

NgoLwesihlanu, Agasti 29

Ndibafundisile ngegama lakho. —Yoh. 17:26.

UYesu zange aphelele nje ekuxeleleni abantu ukuba igama likaThixo nguYehova. AmaYuda awayewafundisa ayelazi igama likaThixo. Kodwa uYesu ngoyena ‘wawazisayo’ ukuba unjani. (Yoh. 1:​17, 18) Ngokomzekelo, iZibhalo zesiHebhere zithi uYehova unenceba futhi uyabavela abantu. (Eks. 34:​5-7) UYesu wayenza yacaca kakhulu loo nto kumzekeliso awawenzayo katata nonyana wakhe owayelahlekile. IBhayibhile ithi lo tata wambona “esekude” unyana wakhe owayeguqukile, wabaleka waya kuye, wamanga waza wamxolela ngokusuka entliziyweni. Le nto isenza siyibone kakuhle indlela uYehova abavela ngayo abantu nanenceba ngayo. (Luka 15:​11-32) UYesu wenza abantu babona ukuba unjani kanye kanye uTata wakhe. w24.02 10 ¶8-9

Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—2025

NgoMgqibelo, Agasti 30

[Thuthuzelani abanye] . . . ngendlela nathi esithuthuzelwe ngayo nguThixo.—2 Kor. 1:4.

UYehova uyabahlaziya aze abathuthuzele abantu abasentlungwini. Sinokuyilinganisa njani indlela uYehova abavela nabathuthuzela ngayo abantu? Enye indlela esinokuyilinganisa ngayo kukuzama ukuba neempawu eziza kusinceda sibavele size sibathuthuzele. Zeziphi ezinye zezo mpawu? Yintoni eza kusinceda singayeki ukuba nothando oluza kusenza ‘sihlale sithuthuzelana’? (1 Tes. 4:18) Kufuneka sisebenzele ukuba neempawu ezifana nokuvelana, ukuthandana njengabazalwana nobubele. (Kol. 3:12; 1 Pet. 3:8) Ziza kusinceda njani? Xa sibavela abazalwana noodade size sibakhathalele nyhani, siza kukufuna ukubathuthuzela xa besentlungwini. Kaloku uYesu wathi, “umlomo uthetha izinto ezigcwele entliziyweni. Umntu olungileyo ukhupha izinto ezintle kwizinto ezintle abezigcinile.” (Mat. 12:​34, 35) Indlela ebalulekileyo yokubabonisa ukuba siyabathanda abazalwana noodade kukubathuthuzela xa besengxakini. w23.11 10 ¶10-11

Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—2025

NgeCawa, Agasti 31

Bona abantu abanengqiqo baza kuqonda.—Dan. 12:10.

Ukuze siziqonde iziprofeto, kufuneka sicele uncedo. Makhe siyizekelise ngale ndlela le nto. Khawube nombono wakho usiya kwindawo ongayaziyo, kodwa umhlobo ohamba naye uyazi kakuhle le ndawo. Wazi kakuhle ukuba niphi, neendlela enidlula kuzo uyazazi ukuba ziya phi. Ngokuqinisekileyo uza kuyivuyela into yokuba loo mhlobo wakho evumile ukuhamba nawe. UYehova uyafana naloo mhlobo, uyazi ukuba sindawoni nokuba siya phi. Ngoko ukuze siziqonde iziprofeto eziseBhayibhileni, simele sizithobe sicele uYehova asincede. (Dan. 2:28; 2 Pet. 1:​19, 20) Njengaye nawuphi na umzali obathandayo abantwana bakhe, uYehova ufuna abantwana bakhe bonwabe kwixesha elizayo. (Yer. 29:11) Ngokungafaniyo nabazali abangabantu, uYehova uyakwazi ukuyixela kanye ngendlela eza kwenzeka ngayo into eza kwenzeka kwixesha elizayo. Wenza ukuba kwiLizwi lakhe kubhalwe izinto ezibalulekileyo eziza kwenzeka ukuze sizazi ngaphambi kokuba zenzeke.​—Isa. 46:10. w23.08 8 ¶3-4

Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—2025
Wamkelekile.
Esi sisixhobo sokuphanda kwiincwadi eziveliswe ngamaNgqina kaYehova ngeelwimi ezahlukahlukeneyo.
Xa ufuna ukudawunlowda iincwadi, sicela ungene kwi- jw.org.
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share