IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • bm iphe. 31
  • Isigidimi SeBhayibhile—Ushwankathelo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isigidimi SeBhayibhile—Ushwankathelo
  • IBhayibhile—Sithini Isigidimi Sayo?
IBhayibhile—Sithini Isigidimi Sayo?
bm iphe. 31
Abantu banandipha ulawulo loBukumkani kumhlaba oyiParadesi

Isigidimi SeBhayibhile

  1. UYehova udala uAdam noEva ngenjongo yokuba baphile ngonaphakade eParadesi. USathana unyelisa igama likaThixo aze athandabuze ilungelo Lakhe lokulawula. UAdam noEva bathelela uSathana kwimvukelo, oko kwenza ukuba bona nenzala yabo babe nesono baze bafe

  2. UYehova ugweba aba bavukeli aze athembise ukuba kuya kubakho uMhlanguli okanye iMbewu eya kutyumza uSathana, ize iphelise yonke imiphumo yemvukelo nesono

  3. UYehova uthembisa uAbraham noDavide ukuba baya kuba ngookhokho beMbewu, okanye bakaMesiya oza kulawula njengoKumkani ngonaphakade

  4. UYehova uphefumlela abaprofeti ukuba bachaze ngokuza kukaMesiya oza kuphelisa isono nokufa. Ekunye nabo aza kulawula nabo, uza kuba nguKumkani woBukumkani bukaThixo, obuya kuphelisa iimfazwe, ukugula nokufa

  5. UYehova uthumela uNyana wakhe emhlabeni aze ancede abantu baqonde ukuba uYesu unguMesiya. UYesu ushumayela ngoBukumkani bukaThixo aze anikele ngobomi bakhe njengedini. UYehova umvusela kubomi bokomoya

  6. UYehova umisela uNyana wakhe ukuba abe nguKumkani ezulwini, yaye oku kubonisa ukuqalisa kwemihla yokugqibela yale nkqubo yezinto. UYesu walathisa abalandeli bakhe basemhlabeni njengoko beshumayela ngoBukumkani bukaThixo ehlabathini

  7. UYehova uyalela uNyana wakhe ukuba azise ulawulo loBukumkani emhlabeni. UBukumkani bubatshayela kuthi tu oorhulumente abangendawo, bumisele iParadesi, buze bubangele ukuba abantu abathembekileyo bafezeke. Ilungelo likaYehova lokulawula liyathethelelwa, yaye igama lakhe lingcwaliswa ngonaphakade

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share