INGOMA 8
Sizimela NgoYehova
Printed Edition
	- 1. UThixo uyindawo, - Yethu yok’ zimela. - Umthunzi kaYehova, - Masihlale kuwo, - Ukuze sikhuseleke, - Sisindiswe engozini. - UThixo uyindawo - Esibalekela kuyo. 
- 2. Kungawa ecaleni - Kwethu amawaka, - Kodwa ke siyosinda, - Kuba sikhuselwe. - Asoyiki nantoni na, - Kub’ uThixo ungakuthi. - Iingozi azipheli, - Kodwa thina sikhuselwe. 
- 3. Thina ke sozimela - Ngaye uYehova, - Ngoko ke asoyiki - Yaye asityhafi. - Asoyiki nantoni na, - Kub’ uThixo ungakuthi. - UThixo uyindawo, - Esizikhusela kuyo. 
(Funda nezi: INdu. 97:10; 121:3, 5; Isa. 52:12.)