INGOMA 151
Baza Kubizwa
Printed Edition
	- 1. Ubom’ bethu bufana nenkungu, - Buthi shwaka msinyane. - Ngoku bukho ngomso abusekho, - Kubakho iinyembezi. - Abantu bethu, ngaba bovuka? - UThix’ uthembis’ oku: - (CHORUS) - Abantu es’bathandayo, - Abaswelekileyo, - Bonke baza kubizwa, - Baphume engcwabeni. - Ngoko ke, yiba nokholo - Lokuba wobabona. - Themba kungekudala - Wophila kunye nabo. 
- 2. Abahlobo bakaThixo wethu, - Abayi kulityalwa. - Bonke abo baswelekileyo, - Uza kubakhumbula. - Wobavusela eParadesi, - Baphile ngolonwabo - (CHORUS) - Abantu es’bathandayo, - Abaswelekileyo, - Bonke baza kubizwa, - Baphume engcwabeni. - Ngoko ke, yiba nokholo - Lokuba wobabona. - Themba kungekudala - Wophila kunye nabo. 
(Funda nezi: Yoh. 6:40; 11:11, 43; Yak. 4:14.)