INGOMA 142
Masibambelele Nkqi Kwithemba Lethu
Printed Edition
	- 1. Abaninzi bahamba ebumnyameni. - Bangavuya xa benokukhululwa. - Ekubeni abantu benesono, - Abakwazi ukuzinceda. - (CHORUS) - Masivuye kuba sinethemba! - UNyana kaThixo usikhulule. - Uza kuphelisa bonk’ ububi, - Siphile ngoxolo ngonaphakade. 
- 2. Isondele inkululeko yoluntu, - Kopheliswa iinyembezi nosizi. - Yonk’ indalo iza kukhululeka, - Ngoko masidumis’ uThixo. - (CHORUS) - Masivuye kuba sinethemba! - UNyana kaThixo usikhulule. - Uza kuphelisa bonk’ ububi, - Siphile ngoxolo ngonaphakade. 
(Funda nezi: INdu. 27:14; INtshu. 1:14; Yow. 2:1; Hab. 1:2, 3; Roma 8:22.)