INGOMA 22
UBukumkani Bumiselwe—Mabuze!
Printed Edition
	- 1. Yehova uhlala ukho, - De kube phakade. - Unik’ uNyana itrone, - Yena uyalaw’la. - UBukumkani buzelwe, - Buza kulaw’la umhlaba. - (CHORUS) - Ngoku bufikile - UBukumkani namandla. - Buye bamiselwa. - Sithi: “Mabuze, Mabuze!” 
- 2. Ixesha likaSathana, - Seliza kuphela. - Nangona kunzima ngoku, - Sekuza kulunga. - UBukumkani buzelwe, - Buza kulaw’la umhlaba. - (CHORUS) - Ngoku bufikile - UBukumkani namandla. - Buye bamiselwa. - Sithi: “Mabuze, Mabuze!” 
- 3. Iingelosi ziyavuya - Zicula ngovuyo. - USathana ugxothiwe, - Kuwo amazulu. - UBukumkani buzelwe, - Buza kulaw’la umhlaba. - (CHORUS) - Ngoku bufikile - UBukumkani namandla. - Buye bamiselwa. - Sithi: “Mabuze, Mabuze!” 
(Funda nezi: Dan. 2:34, 35; 2 Kor. 4:18.)