INGOMA 126
Hlalani Nithe Qwa, Ningagungqi
Printed Edition
	- 1. Hlalani nithe qwa nonke. - Hlalani ningagungqi. - Qinani njengamadoda, - Kuba niya koyisa. - Sithobela uYesu Kristu, - Yaye usinika amandla. - (CHORUS) - Isiphelo sesifikile! - Yithi qwa ungagungqi! 
- 2. Hlalani nithe qwa nonke. - Hlalani ningagungqi. - Landelani ukhokelo, - Oluvela kuKristu. - Usebenzisa abadala, - Ngoko hlala ubathobela. - (CHORUS) - Isiphelo sesifikile! - Yithi qwa ungagungqi! 
- 3. Hlalani nithe qwa nonke. - Hlalani ningagungqi. - Nokuba bayasichasa, - Shumayel’ ungayeki. - Masazise bonke abantu - Ngemin’ enkulu kaYehova! - (CHORUS) - Isiphelo sesifikile! - Yithi qwa ungagungqi! 
(Funda nezi: Mat. 24:13; Heb. 13:7, 17; 1 Pet. 5:8.)