IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Inkathazo Ekhokelela Ethembeni
    IMboniselo—2011 | Meyi 1
    • Inkathazo Ekhokelela Ethembeni

      “Ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.”—2 TIMOTI 3:1.

      WAKHA weva—okanye wabona—esinye sezi ziganeko zilandelayo?

      ● Ubhubhani wesifo unqunqela abantu egoqweni.

      ● Inxele likaKetsekile libulala amakhulu khulu abantu.

      ● Inyikima ibulala amawaka abantu ize ishiye abantu abaninzi bengenamakhaya.

      Kumaphepha alandelayo, uza kufunda ngeziganeko ezifana nezi. Kwakhona uza kubona ukuba iBhayibhile yazixela kwangaphambili iimeko ezifana nezi zenzeka kwixesha elibizwa ngokuba ‘yimihla yokugqibela.’a

      Noko ke, injongo yala manqaku, asikokweyisela ukuba siphila kwimihla yokugqibela. Mhlawumbi sele uzibonele le nkathazo. Kunoko enzelwe ukukunika ithemba. Aza kubonisa ukuba ukuzaliseka kwezi ziprofeto zintandathu kuthetha ukuba sele kumbovu ukuba iphele ‘imihla yokugqibela.’ La manqaku aza kuhlola izinto ezidla ngokuthethwa ngabantu xa begatya obu bungqina yaye aza kusinika isizathu esibambekayo sokuba nethemba.

      [Umbhalo osemazantsi]

      a Ukuze ufumane isizathu sokuba uThixo ezivumele ezi meko, funda inqaku elithi: “Kutheni UThixo Evumela Ukuba Kwenzeke Ubungendawo Nezinto Ezibuhlungu?” kwiphepha 16 nele-17 lale nkupho.

  • Isiprofeto 1 Iinyikima
    IMboniselo—2011 | Meyi 1
    • Isiprofeto 1 Iinyikima

      “Kuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu.”—LUKA 21:11.

      ● UWinnie, oneenyanga ezili-16 ubudala, uhlangulwa kubugoxo besakhiwo esiyingqushu eHaiti. Iintatheli zikamabonwakude ezichaza ngale ntlekele zamva encwina. Wasinda kuloo nyikima kodwa abazali bakhe bona abazange basinde.

      ZIBONISA NTONI IZIGANEKO? Inyikima enkulu yantlitha iHaiti ngoJanuwari 2010, kuqikelelwa ukuba kwafa abantu abangaphezu kwama-300 000. Ukongezelela kwabo bantu isi-1,3 lesigidi basala bengenamakhaya ngephanyazo. Nangona yayinkulu, le nyikima yaseHaiti yayingekokuphela kwayo. Ukususela ngoAprili 2009 ukusa kuAprili 2010 ubuncinane kwabakho iinyikima ezili-18 ezinkulu.

      BADLA NGOKUTHINI ABANTU? Asithwaxwa ziinyikima ezingakumbi; ngenxa yokuhambela phambili kwezobugcisa kulula ukuzibona kunabantu bakudala.

      NGABA BANYANISILE? Khawuhlole esi sibakala: IBhayibhile ayithethi kakhulu ngenani leenyikima kule mihla yokugqibela. Noko ke, ithi kwakuya kubakho ‘iinyikima zomhlaba ezinkulu kwiindawo ngeendawo,’ zaziza kuba yenye yeembalasane zeli xesha.—Marko 13:8; Luka 21:11.

      UTHINI WENA? Ngaba sibona iinyikima ezinkulu kanye njengokuba iBhayibhile yaxela kwangaphambili?

      Iinyikima zisenokungabi bubungqina obaneleyo obubonisa ukuba siphila kwimihla yokugqibela. Noko ke, sesinye seziprofeto ezininzi ezizalisekayo. Khawuhlole esi sesibini.

      [Amagama acatshulweyo akwiphepha 4]

      “Thina [zazinzulu ngomhlaba] sizibiza ngokuba ziinyikima. Abanye abantu bathi ziintlekele.”—UKEN HUDNUT, WEU.S. GEOLOGICAL SURVEY”

      [Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 4]

      © William Daniels/Panos Pictures

  • Isiprofeto 2 Indlala
    IMboniselo—2011 | Meyi 1
    • Isiprofeto 2 Indlala

      “Kuya kubakho ukunqongophala kokutya.”—MARKO 13:8.

      ● Enye indoda ibhacele kwilali yaseQuaratadji, eNiger. Abazala, abantakwayo noodadewayo nabo bavela embindini welizwe kuba bebaleka indlala. Kodwa le ndoda ingqengqe ekhukweni. Kutheni iyodwa nje? Isibonda selali uSidi uthi: “Ayikwazi ukondla intsapho yakowayo kwaye ayikwazi kujongana nayo.”

      ZIBONISA NTONI IZIGANEKO? Ehlabathini jikelele, phantse umntu omnye kwabasi-7 akafumani kutya kwaneleyo ngosuku. Baninzi ngakumbi abantu abalambayo kumazantsi eSahara, apho umntu omnye kwaba-3 elala ngamanzi. Ukuze uliqonde kakuhle elo nani cinga ngentsapho enotata, umama nosana. Ukuba ukutya kunokwanela abantu ababini kuphela ngubani omele angafumani? Ngaba ngutata? umama? okanye usana? Iintsapho ezininzi kufuneka zenze eso sigqibo suku ngalunye.

      BADLA NGOKUTHINI ABANTU? Umhlaba uvelisa ukutya okuninzi okunokwanela wonke umntu. Qha into efunekayo kukuba mabuphathwe kakuhle ubuncwane bomhlaba.

      NGABA BANYANISILE? Enyanisweni, abalimi bangavelisa ukutya okungakumbi baze bakuse ebantwini ngomkhamo omkhulu kunanini na embalini. Oorhulumente babantu bebefanele bakuphathe kakuhle ukutya ukuze kuphele indlala. Noko ke, nangona sele kudlule iinkulungwane abakhange bakwazi.

      UTHINI WENA? Ngaba uMarko 13:8 uyazaliseka? Nangona ezobugcisa zihambele phambili ngaba ukunqongophala kokutya kuthwaxa abantu ehlabathi jikelele?

      Iinyikima neendlala zidla ngokwandulela iingxaki ezibangelwa ngomnye umqondiso wemihla yokugqibela.

      [Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]

      “Abantwana abangaphezu komnye esithathwini ababulawa yingqele, sisisu segazi nazezinye izifo bebenokusinda ukuba bebondlekile.”—ANN M. VENEMAN, UMALATHISI OLILUNGU LESIGQEBA SEUN CHILDREN’S FUND.

      [Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 5]

      © Paul Lowe/Panos Pictures

  • Isiprofeto 3 Izifo
    IMboniselo—2011 | Meyi 1
    • Isiprofeto 3 Izifo

      “Abantu baya . . . kuthwaxwa zizifo.”—LUKA 21:11, Contemporary English Version.

      ● UBonzali igosa lezempilo kwilizwe laseAfrika elidlavulwe yimfazwe, ubopha amabande enyanga abasebenzi mgodini kwidolophu ahlala kuyo ababulawa yintsholongwane yeMarburg.a Akakhange alufumane uncedo ebesoloko elucela kumagosa akwisixeko esikhulu. Emva kweenyanga ezine, lwade lwafika uncedo kodwa uBonzali wayesele ebhubhile. Wosulelwa sisifo seMarburg kwabo basebenzi wayezama ukubanceda.

      ZIBONISA NTONI IZIGANEKO? Izifo ezibangela ukungaphefumli kakuhle (njengokungenwa yingqele), isisu segazi, ugawulayo, isifo sephepha nesifo seengcongconi zezinye zezona zifo zibulala abantu. Ngomnye unyaka, ezi zifo zihlanu zabulala umyinge wabantu omalunga nezigidi ezili-10.7. Ngamanye amazwi, ezi zifo zabulala umntu rhoqo ngemizuzwana emithathu, unyaka wonke.

      BADLA NGOKUTHINI ABANTU? Abantu bayaqhubeka besanda ehlabathini, ngenxa yoko abantu abangakumbi bayagula. Baninzi abantu abanokosulelwa.

      NGABA BANYANISILE? Abantu baye banda ehlabathini. Kanti nabantu baye bakwazi ukuxilonga, ukulawula nokunyanga izifo. Ngaba bezingafanelanga ukuba ziyaphela izifo emhlabeni? Kodwa kwenzeka into eyahlukileyo koko.

      UTHINI WENA? Ngaba abantu bathwaxwa zizifo njengokuba yaxela kwangaphambili iBhayibhile?

      Iintlekele, indlala nezifo ziintshaba ezisuba ubomi bezigidi zabantu. Izigidi ezingakumbi ziphathwa kakubi ngabanye abantu—abanye babo ngabantu ebebefanele ukuba baya bakhusela. Phawula oko isiprofeto seBhayibhile esithi kuya kwenzeka.

      [Umbhalo osemazantsi]

      a IMarburg Hemorrhagic Fever ibangelwa yintsholongwane ezalana ne-Ebola.

      [Amagama acatshulweyo akwiphepha 6]

      “Yinto ebuhlungu ukuqwengwa yingonyama, kodwa kukwabuhlungu nokuhlaselwa ngaphakathi yintsholongwane ebulalayo uze uyibone loo nto isenzeka nakubantu abakungqongileyo.”—INGCALI YEZIFO UMICHAEL OSTERHOLM.

      [Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 6]

      © William Daniels/Panos Pictures

  • Isiprofeto 4 Ukuphola Kothando
    IMboniselo—2011 | Meyi 1
    • Isiprofeto 4 Ukuphola Kothando

      “Abantu . . . babengayi kuzithanda iintsapho zabo.”—2 TIMOTI 3:1-3 iGod’s Word Bible.

      ● UChris usebenzela iqela elijongene nogonyamelo lwasekhaya eNorth Wales. Uthi: “Ndikhumbula ngenye imini ndidibane nelinye inenekazi elalibethwe kanobom kangangokuba ndandingasalazi. Amanye amabhinqa adandatheke kangangokuba kunzima nokujonga abantu.”

      ZIBONISA NTONI IZIGANEKO? Kwelinye ilizwe laseAfrika, ibhinqa elimalunga nelinye kwamathathu lakhe laxhatshazwa ngokwesini xa lalingumntwana. Uhlolisiso olwenziwa kwakwelo lizwe lwafumanisa ukuba amadoda angaphezu kwesinye esithathwini avakalelwa kukuba abafazi bafanele babethwe. Noko ke, asingomabhinqa kuphela angamaxhoba ogonyamelo. Ngokomzekelo, eKhanada phantse amadoda amathathu kwali-10 aye abethwa okanye axhatshazwa ngamaqabane awo.

      BADLA NGOKUTHINI ABANTU? Kudala lukho ugonyamelo. Umahluko ngowokuba kuthethwa kakhulu ngalo kunangaphambili.

      NGABA BANYANISILE? Ugonyamelo lwasekhaya belusoloko lusematheni kumashumi eminyaka akutshanje. Kodwa ngaba ukuthetha ngalo kuye kwalunciphisa? Akunjalo. Kuxhaphake kakhulu ukuphola kothando.

      UTHINI WENA? Ngaba eyesi-2 kuTimoti 3:1-3 iyazaliseka namhlanje? Ngaba abantu abaninzi abazithandi iintsapho zabo, thando olo ebekufanele ukuba lukho ngokwemvelo?

      Isiprofeto sesihlanu osibona sizaliseka siphathelele ikhaya lethu umhlaba. Khawuve ukuba ithini iBhayibhile ngalo mbandela.

      [Amagama acatshulweyo akwiphepha 7]

      “Ugonyamelo lwasekhaya lelinye lawona matyala angaxelwayo. Ngokomli-nganiselo ibhinqa libethwa liqabane lalo izihlandlo ezingama-35 ngaphambi kokuba lixele emapoliseni.”—IBHINQA LASEWALES ELISISITHETHI KWIZIKO LABANTU ABAXHATSHAZWAYO EKHAYA.

  • Isiprofeto 5 Ukonakaliswa Komhlaba
    IMboniselo—2011 | Meyi 1
    • Isiprofeto 5 Ukonakaliswa Komhlaba

      ‘UThixo uya konakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.’—ISITYHILELO 11:18.

      ● UMnu. uPirri usebenza kumzi-mveliso wewayini eKpor, eNigeria. Ishishini lakhe liye latshatyalaliswa kukuchitheka kweoli kwiNiger Delta. Uthi: “Ibulala iintlanzi zethu, yonakalisa izikhumba zethu ingcolise nemithombo yethu. Andisenandlela yokuziphilisa.”

      ZIBONISA NTONI IZIGANEKO? Ngokutsho kwezinye iingcali, kuchitheka iitoni zenkunkuma ezizizigidi ezisi-6.5 elwandle nyaka ngamnye. Malunga nama-50 ekhulwini aloo nkunkuma yiplastiki iya kuthatha amakhulu eminyaka ngaphambi kokuba ibole. Ukongezelela ekungcoliseni umhlaba, abantu batyhuthula ubuncwane bawo ngesantya esingazange sibonwe ngaphambili. Uphando lubonisa ukuba umhlaba ufuna unyaka oneenyanga ezintlanu ukuze ukwazi ukuphinda uvelise izinto ezisetyenziswa ngabantu ixesha elingangonyaka. Iphephandaba laseOstreliya iSydney Morning Herald lithi: “Ukuba abantu bayaqhubeka besanda yaye besebenzisa ubuncwane bomhlaba ngale ndlela, ngonyaka wowama-2035 kuza kufuneka sibe nemihlaba emibini.”

      BADLA NGOKUTHINI ABANTU? Abantu banamacebo. Sinokuzilungisa ezi ngxaki size siwusindise nomhlaba.

      NGABA BANYANISILE? Abantu kwakunye namaqela amaninzi aye alumkisa ngokonakaliswa komhlaba. Nakuba kunjalo, abantu basaqhubeka bewungcolisa umhlaba ngomkhamo omkhulu.

      UTHINI WENA? Ngaba kuyimfuneko ngoThixo ukuba angenelele aze awuhlangule umhlaba njengoko ethembisile ukuba uza kwenjenjalo?

      Ukongezelela kwezi ziprofeto zihlanu esiye saziqwalasela, iBhayibhile iyathetha nangezinto ezikhuthazayo ezaziza kwenzeka ngemihla yokugqibela. Khawucinge ngalo mzekelo ukwisiprofeto sesithandathu.

      [Amagama acatshulweyo akwiphepha 8]

      “Ndivakalelwa kukuba bendihlala eparadesi kodwa ngoku ndihlala kwindawo yokulahla inkunkuma.”—UERIN TAMBER, OHLALA KWIGOPHE LASEUNITED STATES, ETHETHA NGEMIPHUMO YOKUCHITHEKA KWEOLI KWIGOPHE LASEMEXICO NGOWAMA-2010.

      [Ibhokisi ekwiphepha 8]

      Ngaba UThixo Ubekek’ Ityala?

      Ekubeni iBhayibhile yazixela kwangaphambili iimeko ezimbi esizibonayo namhlanje, ngaba loo nto ithetha ukuba uThixo ubekek’ ityala? Ngaba nguye osenza sibandezeleke? Iimpendulo zale mibuzo unokuzifumana kwisahluko 11 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

      [Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 8]

      U.S. Coast Guard photo

  • Isiprofeto 6 Umsebenzi Wokushumayela Ehlabathini Jikelele
    IMboniselo—2011 | Meyi 1
    • Isiprofeto 6 Umsebenzi Wokushumayela Ehlabathini Jikelele

      “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo.”—MATEYU 24:14.

      ● UVaiatea uhlala kwisiqithi esisemagqagaleni sePasifiki eTuamotu Archipelago. Nangona iTuamotu ineziqithi zekorale ezingama-80 kummandla oziskwe khilomitha ezingama-802 900, kuzo kuhlala abantu abamalunga ne-16 000 kuphela. UVaiatea nabamelwane bakhe baye bashunyayezwa ngamaNgqina kaYehova. Kutheni? Kaloku amaNgqina kaYehova afuna ukwabelana nabantu ngeendaba ezilungileyo ezingoBukumkani bukaThixo—kungakhathaliseki ukuba bahlala phi.

      ZIBONISA NTONI IZIGANEKO? Isigidimi soBukumkani sifikelela mbombo zone zomhlaba. Ngowama-2010 kuphela amaNgqina kaYehova aye achitha iiyure ezingaphezu kwebhiliyoni e-1.6 evakalisa iindaba ezilungileyo kumazwe angama-236. Lowo ngumlinganiselo wemizuzu engama-30 ngosuku kwiNgqina ngalinye. Kule minyaka ilishumi edluleyo, amaNgqina aye avelisa aze asasaza uncwadi olufundisa iBhayibhile olungaphezu kweebhiliyoni ezingama-20.

      BADLA NGOKUTHINI ABANTU? Bekusoloko kushunyayelwa isigidimi seBhayibhile kangangeminyaka.

      NGABA BANYANISILE? Enyanisweni, baninzi abantu abaye bashumayela ngezinto ezithile eziseBhayibhileni. Noko ke, inkoliso yabo bantu ibidla ngokushumayela ixesha elifutshane kubantu abambalwa. Ngokwahlukileyo koko, amaNgqina kaYehova athe bhakada kwiphulo lokushumayela ehlabathini jikelele kumakhulu ezigidi zabantu. AmaNgqina aye azingisa kumsebenzi wawo wokushumayela nangona eye achaswa ngawona maqela anamandla nakhohlakeleyo kwimbali yabantu.a (Marko 13:13) Kanti ke, amaNgqina kaYehova awahlawulwa xa esenza lo msebenzi. Kunoko anikela ngexesha lawo ngokuzithandela yaye iincwadi zawo awazithengisi. Lo msebenzi uxhaswa ngeminikelo yokuzithandela.

      UTHINI WENA? Ngaba “ezi ndaba zilungileyo zobukumkani” zishunyayelwa ehlabathini jikelele? Ngaba ukuzaliseka kwesi siprofeto kuthetha ukuba kuza amaxesha alungileyo?

      [Umbhalo osemazantsi]

      a Ukuze ufumane ingcombolo engakumbi, bukela ezi vidiyo zintathu zithi “Faithful Under Trials,” “Purple Triangles,” nethi “Jehovah’s Witnesses Stand Firm Against Nazi Assault,” ezenziwe ngamaNgqina kaYehova.

      [Amagama acatshulweyo akwiphepha 9]

      “Logama uYehova esavuma, siya kuqhubeka sishumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani ngenkuthalo, sisebenzisa zonke iindlela ukufikelela abantu.”—INCWADI YONYAKA YAMANGQINA KAYEHOVA YOWAMA-2010.

  • Kuseza Amaxesha Amnandi!
    IMboniselo—2011 | Meyi 1
    • Kuseza Amaxesha Amnandi!

      “Kusele ithutyana, angabikho ongendawo . . . Kodwa abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.”—INDUMISO 37:10, 11.

      NGABA ungathanda ukuba esi siprofeto singasentla sizaliseke? Ngokuqinisekileyo kunjalo. Kukho izizathu ezibambekayo zokukholelwa ukuba siza kuzaliseka ngokukhawuleza.

      Amanqaku andulela eli ebexubusha ezinye iziprofeto zeBhayibhile ezibonisa ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela.’ (2 Timoti 3:1-5) UThixo waphefumlela ababhali beBhayibhile ukuba babhale ngezo ziganeko ukuze sibe nethemba. (Roma 15:4) Ukuzaliseka kwezo ziprofeto kuthetha ukuba zonke iinkathazo ezikhoyo ziza kuphela kungekudala.

      Yintoni eza kulandela imihla yokugqibela? UBukumkani bukaThixo buza kulawula bonke abantu. (Mateyu 6:9) Makhe sive indlela iBhayibhile eyichaza ngayo imeko yomhlaba ngelo xesha:

      ● Indlala iya kuphela. “Kuya kubakho ukudla okuziinkozo okuninzi emhlabeni; encotsheni yeentaba kuya kubakho ukuphuphuma.”—INdumiso 72:16.

      ● Izigulo ziza kuphela. “Akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’”—Isaya 33:24.

      ● Umhlaba uya kuhlaziywa. “Iya kuba nemihlali intlango nommandla ongumqwebedu, nethafa eliyinkqantosi liya kuvuya lize lityatyambe njengesafroni.”—Isaya 35:1.

      Ezi ziziprofeto nje ezimbalwa zeBhayibhile ezikhuthazayo eziza kuzaliseka kungekudala. Kutheni ungaceli amaNgqina kaYehova akubonise isizathu sokuba aqiniseke ukuba amaxesha amnandi aseza?

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share