INGOMA 24
Yiza Entabeni KaYehova
Printed Edition
	- 1. Jonga entabeni, - Intaba kaYehova. - Yiya kuyo le ntaba - Ephakamileyo. - Abalungileyo - Babalekela kuyo, - Bakwabiza nabanye, - Besithi ‘Yizani.’ - Lixesha lokuba - Sibalekele kule ntaba. - Njengoko lusanda, - Ulwazi lwethu ngoYehova. - Masimeme bonke, - Basondele kuThixo. - Uza kubasindisa - Abasabelayo. 
- 2. Shumayela izwi, - Siyalelwe nguYesu. - Ngoko yazisa bonke - Shumayela kubo. - Ngoku uyalaw’la - UKristu emhlabeni. - Abalulamileyo - Bathobel’ uThixo. - Bameme ukuba - Banqule uThixo baphile. - Ngothando sinceda - Abantu bazi uYehova. - Ngoko mas’bhengeze, - Simeme bonke beze, - ‘Kuyo yona le ntaba, - Baze basindiswe.’ 
(Funda nezi: INdu. 43:3; 99:9; Isa. 60:22; IZe. 16:5.)