INGOMA 144
Hlala Ujonge Emvuzweni!
Printed Edition
	- 1. Iimfama zophinda zibone, - Kwanezithulu ziza kuva. - Abantwana baza kudlala - Bekhuselekile bonke. - Kuvuswe kwanezihlobo, - Ziphile emhlabeni omtsha. - (CHORUS) - Ukuze ukubone oko, - Hlala ujong’ emvuzweni. 
- 2. Ingcuka kunye netakane, - Ziza kutya zihlale kunye, - Umntwana uza kuziqhuba, - Zimamele izwi lakhe. - Kuzosulwa kwaneenyembezi, - Emehlweni abantu bonke. - (CHORUS) - Ukuze ukubone oko, - Hlala ujong’ emvuzweni. 
(Funda nezi: Isa. 11:6-9; 35:5-7; Yoh. 11:24.)