INGOMA 147
Sithenjiswe Ubomi Obungunaphakade
Printed Edition
	- 1. Abo bathobekileyo - Bathenjiswa ubomi. - Baza kuphila kumhlaba - Oyiparadesi. - (CHORUS) - UThix’ oluthando - Usithembisile. - Ngoko sizophila, - Ngonaphakade. 
- 2. Eparadesi kophila - Abafezekileyo. - Bonke bethobel’ uThixo, - Yaye benoxolo. - (CHORUS) - UThix’ oluthando - Usithembisile. - Ngoko sizophila, - Ngonaphakade. 
- 3. Kuza kubakho uvuko, - Kupheliswe usizi. - Abantu boba nothando, - Zisulw’ iinyembezi. - (CHORUS) - UThix’ oluthando - Usithembisile. - Ngoko sizophila, - Ngonaphakade. 
(Funda nezi: Isa. 25:8; Luka 23:43; Yoh. 11:25; ISityhi. 21:4.)