INGOMA 139
Zibone Ukwihlabathi Elitsha
- 1. Khawuz’bone, ubone nam, - Xa siphila kwihlabath’ elitsha. - Khawucinge ngokuphila - Ngolonwabo eluxolweni. - Kuzophela ukoyika, - Indalo izokhululeka. - Kwelo hlabathi socula ingoma, - Yokudumisa uThixo wethu sithi: - (CHORUS) - “Yehova Thixo, siyabulela! - Wenze zonke izinto zaba ntsha. - Siyakudumisa ngokukuculela. - Lolwakho lonke uzuko kwanembeko.” 
- 2. Khawubone, xa siphila, - Kwihlabathi elitsha ngoxolo. - Akusayi kubakho nto - Isenzakalisayo apho. - Iinyembezi zizosulwa. - Bonk’ abantu baza konwaba. - Kuzovuswa nabaswelekileyo, - Bazodumisa uThixo nathi bathi: - (CHORUS) - “Yehova Thixo, siyabulela! - Wenze zonke izinto zaba ntsha. - Siyakudumisa ngokukuculela. - Lolwakho lonke uzuko kwanembeko.” 
(Funda nezi: INdu. 37:10, 11; Isa. 65:17; Yoh. 5:28; 2 Pet. 3:13.)