INGOMA 76
Uziva Njani Na?
- 1. Uziva njani na - xa ubashumayeza, - Uze ngothando uncede - abo banomdla? - Hlal’ uzimisele, - uThixo wokuxhasa. - Hlala ufuna abo - bafanelekayo. - (CHORUS) - Ngoku Thixo siyavuya - ngokuzinikela kuwe. - Sizoqhubeka siwenza - umsebenzi wakho. 
- 2. Uziva njani na - xa udibana nabo - Abo babuthandayo - ubomi benene? - Abant’ abaninzi, - abafuni nokuva. - Sekunjalo siyathetha - ngoThixo wethu. - (CHORUS) - Ngoku Thixo siyavuya - ngokuzinikela kuwe. - Sizoqhubeka siwenza - umsebenzi wakho. 
- 3. Uziva njani na - ngokuxhaswa nguThixo, - Nangokukuphathisa - umsebenzi wakhe? - Sizele luvuyo, - ekushumayeleni, - Sifuna abanomdla - ngaphambi kwes’phelo. - (CHORUS) - Ngoku Thixo siyavuya - ngokuzinikela kuwe. - Sizoqhubeka siwenza - umsebenzi wakho. 
(Funda nezi: IZe. 13:48; 1 Tes. 2:4; 1 Tim. 1:11.)