INGOMA 32
Mela UYehova!
- 1. Sakha safundiswa ubuxoki, - Xa sasikwiicawa zobuxoki. - Kodwa savuya kakhulu emva - Kokuva inyaniso. - (CHORUS) - Mela uYehova. Hlala umkhonza. - Soze akushiye. Thembela ngaye. - Zazise iindaba zenkululeko. - Ulawulo lwakhe lophumelela. 
- 2. Ngoku simela uThixo wethu, - Sishumayela ngoBukumkani. - Ngamnye makazenzele is’ gqibo, - Sokumela uThixo. - (CHORUS) - Mela uYehova. Hlala umkhonza. - Soze akushiye. Thembela ngaye. - Zazise iindaba zenkululeko. - Ulawulo lwakhe lophumelela. 
- 3. Asimoyiki yena uMtyholi, - Kuba sithembele ngoYehova. - Ngoko nokuba siyatshutshiswa, - Uza kusomeleza. - (CHORUS) - Mela uYehova. Hlala umkhonza. - Soze akushiye. Thembela ngaye. - Zazise iindaba zenkululeko. - Ulawulo lwakhe lophumelela. 
(Funda nezi: INdu. 94:14; IMize. 3:5, 6; Heb. 13:5.)