INGOMA 40
Singabakabani?
Printed Edition
1. Ungokabani na?
Uthobela bani na?
Lowo nguthixo omkhonzayo
Nenkosi oyithandayo.
Akunakukhonza
Iinkosi ezimbini,
Kuba enye uza kuyithanda
Kodw’ enye uyithiye.
2. Ungokabani na?
Uthobela bani na?
Kukho uthixo wobuxoki,
Kukwakho nowenyaniso.
Ngaba wothobela
Ulawulo lwabantu?
Okanye ulaw’lo lukaThixo
Wenze intando yakhe?
3. Ndingokabani na?
NdingokaYehova mna.
Ndiya kumthobela uThixo,
Ndimkhonze ngokuthembeka.
Uthumel’ uNyana
Ukuba andifele.
Ndolizukisa yonke imihla
Igama likaThixo.
(Funda nezi: Yosh. 24:15; INdu. 116:14, 18; 2 Tim. 2:19.)