IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • UKumkani Ulungisa Aze Acoce Abantu Bakhe Ngokomoya
    UBukumkani BukaThixo Buyalawula!
    • 1-3. Wenza ntoni uYesu akufika itempile ingcoliswa?

      UYESU wayeyihlonela kakhulu itempile eyayiseYerusalem kuba wayekwazi oko ikumelayo. Kaloku kangangexesha elide itempile yayisoloko iyeyona ndawo yonqulo lokwenyaniso emhlabeni. Kodwa ke olo unqulo—unqulo loThixo ongcwele, uYehova—lumele lucoceke yaye lube nyulu. Khawufan’ ucinge indlela awakhathazeka ngayo uYesu xa wafika itempile ingcoliswa ngoNisan 10, 33 C.E. Kwakusenzeka ntoni?—Funda uMateyu 21:12, 13.

      2 KwiNtendelezo yeeNtlanga, oosomashishini nabatshintshi bemali ababawayo babeqhatha abantu ababezokwenza imibingelelo kuYehova.a UYesu “waphosa phandle bonke abo babethengisa nababethenga etempileni, wazibhukuqa iitafile zabatshintshi bemali.” (Thelekisa uNehemiya 13:7-9.) Wawagxeka loo madoda ayecingel’ iziqu zawo ngokwenza indlu kaYise “umqolomba wabaphangi.” Ngaloo ndlela uYesu wabonisa ukuba uyayihlonela itempile noko yayikumela. Unqulo lukaYise lwalumele lugcinwe lucocekile!

  • UKumkani Ulungisa Aze Acoce Abantu Bakhe Ngokomoya
    UBukumkani BukaThixo Buyalawula!
    • a Ukuze ahlawule irhafu yonyaka etempileni, amaYuda atyeleleyo kwakufuneka atshintshe imali yawo ukuze afumane leyo ifunekayo, kwaye abatshintshi bemali babewahlawulisa. Ngaphezu koko, abatyeleli kwakusenokufuneka bathenge nezilwanyana zokunikela. UYesu wababiza aba barhwebi ngokuba ‘ngabaphangi,’ kuba babesenokuba babebiza imali eninzi.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share