-
Intlawulelo kakristu Yindlela Kathixo YokusindisaIMboniselo—1999 | Februwari 15
-
-
kwakhe, uYesu wathi: “Ukuba nabani na uyandithanda, uya kuligcina ilizwi lam.” (Yohane 14:23) “Ilizwi” likaYesu liquka umyalelo wakhe wokuba sizingise ekuzalisekiseni olu thumo: “Hambani ke ngoko nize nenze abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza.” (Mateyu 28:19) Ukuthobela uYesu kukwafuna ukuba sibonakalise uthando kubazalwana bethu bokomoya.—Yohane 13:34, 35.
21. Kutheni sifanele sibekho kumbhiyozo weSikhumbuzo ngoAprili 1?
21 Enye yezona ndlela zintle esinokubonisa ngayo ukuba siyayixabisa intlawulelo kukubakho kwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu, kulo nyaka esiza kuba ngoAprili 1.a Nako oku kuyinxalenye ‘yelizwi’ likaYesu, kuba xa wayesungula lo mbhiyozo, uYesu wayalela abafundi bakhe esithi: “Hlalani nisenza oku nindikhumbula.” (Luka 22:19) Ngokubakho kwethu kwesi siganeko sibalulekileyo nangokunikela ingqalelo epheleleyo kuyo yonke imiyalelo kaKristu, siya kubonisa ukuba siqiniseke ngokupheleleyo ukuba intlawulelo kaYesu yindlela kaThixo yokusindisa. Liyinene elokuba, “akukho lusindiso kuye nabani na ongomnye.”—IZenzo 4:12.
-
-
Indlela Yothando Ayize IsileleIMboniselo—1999 | Februwari 15
-
-
Indlela Yothando Ayize Isilele
“Hlalani nifuna ngenzondelelo iziphiwo ezikhulu ngakumbi. Ukanti ndinibonisa indlela encamisileyo.”—1 KORINTE 12:31.
1-3. (a) Ukufunda ukubonakalisa uthando kufana njani nokufunda ulwimi olutsha? (b) Ziziphi izinto ezinokubangela ukuba ukufunda ukubonakalisa uthando kube lucelomngeni?
NGABA ukhe wazama ukufunda ulwimi ongalwaziyo? Ngamafutshane nje singathi akuyondlwan’ iyanetha! Kakade ke, umntwana unako ukulufunda ulwimi ngokuba phakathi kwabantu abaluthethayo nje kuphela. Ingqondo yakhe iyazibamba izandi neentsingiselo zamagama, kangangokuba kuthi kungekabi phi umve unkabi sele elukhupha nangeempumlo olo lwimi, mhlawumbi ke ade antyuntye into engenasiphelo. Nkqi kubantu abakhulu. Thina sibetha sibuyelela kwisichazi-magama solo lwimi lwasemzini, kuba nje sifuna ukuqhelana namabinzana alo ambalwa asisiseko. Noko ke, njengoko ixesha lihamba yaye sihleli nabantu abaluthethayo, iingqondo zethu ziqalisa ukucinga ngendlela yolo lwimi lutsha ibe kuba lula noko ukuluthetha.
2 Ukufunda ukubonakalisa uthando kufana twatse nokufunda ulwimi olutsha. Kuyinyaniso kona ukuba umlinganiselo othile wolu phawu lukaThixo ukho ngokwemvelo ebantwini. (Genesis 1:27; thelekisa eyoku-1 kaYohane 4:8.) Kodwa ke, ukufunda ukubonakalisa uthando kufuna umgudu ongaphaya koqhelekileyo—ngokukodwa namhlanje, apho umsa wemvelo unqabe okwezinyo lenkuku. (2 Timoti 3:1-5) Maxa wambi oku kwenzeka kanye phakathi kwentsapho. Ewe, uninzi lwabantu lukhula phantsi kweemeko
-