IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • AmaNgqina KaYehova
    Ukuqiqa NgeZibhalo
    • AmaNgqina KaYehova

      Ingcaciso: Libutho labantu abangamaKristu azwenibanzi athi ngokukhutheleyo anikele ubungqina ngoYehova uThixo neenjongo zakhe ezichaphazela uluntu. Iinkolelo zawo azisekele ngokupheleleyo eBhayibhileni.

      Ziziphi iinkolelo zamaNgqina kaYehova eziwenza ahluke kwezinye iinkonzo?

      (1) IBhayibhile: AmaNgqina kaYehova akholelwa kwelokuba

  • IiNgcwele
    Ukuqiqa NgeZibhalo
    • IiNgcwele

      Ingcaciso: Ngokwemfundiso yamaRoma Katolika, iingcwele ngabo bantu bafayo nabanoKristu ngoku ezulwini nabaye bagqalwa yiCawa njengabangcwele nabaneempawu ezibalaseleyo. Ingxelo yeBhunga LaseTrent yokuvakaliswa kweenkolelo ithi kumelwe kukhungwe iingcwele njengabalamli kuThixo yaye izinto zeengcwele kwanemifanekiso eqingqiweyo yazo zimele zihlonelwe. Kwanezinye iinkonzo, zicela uncedo lweengcwele. Iinkonzo ezithile zifundisa ukuba onke amalungu azo aziingcwele ibe akanasono. IBhayibhile ithetha kakhulu ngeengcwele, okanye abangcwele. Ibhekisela kubalandeli bakaKristu abathanjiswe ngomoya nabali-144 000 njengabanjalo.

      Ngaba iBhayibhile ifundisa ukuba umntu umele abe ngofumene uzuko lwasezulwini ngaphambi kokuba agqalwe njengengcwele?

      Ngokuqinisekileyo iBhayibhile iyathetha ngabangcwele, okanye iingcwele, ngokuthi basezulwini. UYehova kuthethwa ngaye ‘njengoyiNgcwele [haʹgi·on, ngesiGrike].’ (1 Pet. 1:15, 16; bona iLevitikus 11:45.) UYesu Kristu uchazwa ‘njengoyiNgcwele [haʹgi·os] kaThixo’ xa wayesemhlabeni ibe uchazwa ‘njengoNgcwele [haʹgi·os]’ ezulwini. (Marko 1:24; ISityhi. 3:7) Nezithunywa zezulu ‘zingcwele.’ (Ize. 10:22) Kwaeli gama linye lisisiseko lesiGrike santlandlolo lisetyenziswa kubantu abaninzi emhlabeni.

      Ize. 9:32, 36-41: “Akuba uPetros etyhutyha iindawo zonke, wehla weza nakwabangcwele [ha·giʹous] ababemi eLida. Ke kaloku, eYopa kwakukho mfundikazi uthile, ugama linguTabhita [owathi wafa], . . . waza [uPetros] eguqukele esidumbini wathi, Tabhita, vuka. Wawavula ke amehlo akhe; wathi akubona uPetros, wesuka wahlala. Wamnika ke isandla sakhe, wamphakamisa; wababiza abangcwele nabahlolokazi abo, wammisa phambi kwabo ephilile.” (Ngokucacileyo, ezi ngcwele zazingekabikho ezulwini, ibe yayingengomntu obalaseleyo onjengoPetros kuphela owayejongwa njengengcwele.)

      2 Kor. 1:1; 13:12, 13: “UPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, noTimoti umzalwana, ubhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, kunye nabo bonke abangcwele [ha·giʹois] abakwelaseAkaya liphela.” “Bulisanani ngolwango olungcwele. Bayanibulisa bonke abangcwele aba.” (Onke la maKristu okuqala awayecocwe ngegazi likaKristu aza abekelwa bucala inkonzo kaThixo njengaza kuba ziindlalifa noKristu kwakubhekiselwa kuwo njengeengcwele, okanye abangcwele. Ukugqalwa kwawo njengangcwele ngokucacileyo akuzange kwenziwa emva kokuba efile.)

      Ngaba kuvisisana neZibhalo ukuthandaza “kwiingcwele” ukuba zisebenze njengabalamli kuThixo?

      UYesu Kristu wathi: “Thandazani nina ngoko nenjenje: Bawo wethu osemazulwini, . . . ” Ngoko imithandazo imele ibhekiswe kuBawo. UYesu wakwathi: “Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi; akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam. Ukuba nithe nacela into ngegama lam, ndoyenza mna.” (Mat. 6:9; Yoh. 14:6, 14) Ngaloo ndlela uYesu wayichitha into yokuba nabani na wayenokuba kwindima yokuba ngumlamli. Umpostile uPawulos ethetha ngoKristu wongezelela oku: “Ngubani na ogwebayo, inguKristu nje owafayo? ngaphezu koko ke, wabuya wavuka; ongasekunene kukaThixo, osithethelelayo?” “Unako nokubasindisa kanye abo bezayo ngaye kuThixo, ehlala ehleli nje ukuba abathethelele.” (Roma 8:34; Heb. 7:25) Ukuba ngokwenyaniso siyafuna ukuba imithandazo yethu iviwe nguThixo, ngaba bekungayi kuba bubulumko ukuthetha noThixo ngendlela iLizwi lakhe eliyalela ngayo? (Bona iphepha 188, 189, phantsi komxholo othi “UMariya.”)

      Efe. 6:18, 19: “Niyiphaphamele loo nto ngako konke ukuzingisa nokukhunga, ngenxa yabo bonke abangcwele; nangenxa yam, ukuba ndiphiwe ilizwi ekuwuvuleni umlomo wam, ndize ndazise ngokungafihlisiyo imfihlelo yeendaba ezi zilungileyo.” (Akekeliswe sithi.) (Apha kukhuthazwa ukuba kuthandazwe ngenxa yeengcwele kodwa kungathandazwa kuzo okanye kusetyenziswa zona. INew Catholic Encyclopedia, 1967, Umqu. XI, iphe. 670, ivuma oku: “Ngokuqhelekileyo kwiTestamente Entsha, yonke imithandazo, imithandazo yonqulo lwangasese neyasesidlangalaleni, ibhekiswa kuThixo uYise ngoKristu.”)

      Roma 15:30: “Ndiyanivuselela, bazalwana, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, nangalo uthando loMoya, ukuba nizame kunye nam ekundithandazeleni kuye uThixo.” (Umpostile uPawulos, owayeyingcwele ngokwakhe, wacela amaKristu angoowakhe awayekwaziingcwele ukuba amthandazele. Kodwa phawula ukuba uPawulos akazange abhekise imithandazo yakhe kwezo ngcwele zazikunye naye, ingazange nemithandazo yazo ezaziyibhekisa ngenxa yakhe iphelise ulwalamano lobuqu uPawulos awayelunandipha noYise ngomthandazo. Thelekisa amaEfese 3:11, 12, 14.)

      Uqheliselo lokuhlonela izinto nemifanekiso eqingqiweyo “yeengcwele” lumele lujongwe njani?

      INew Catholic Encyclopedia ivuma oku: “Ngaloo ndlela kulilize ukufuna ukuzithethelela kwiTestamente Endala ngokunqula izinto zeengcwele; ibe nengqalelo enkulu ayinikelwa kwezi zinto kwiTestamente Entsha. . . . [“Umseki” weCawa] uOrigen kubonakala ukuba olu qheliselo walujonga njengomqondiso wabahedeni wokuhlonela izinto eziphathekayo.”—(1967), Umqu. XII, iphe. 234, 235.

      Kuyaphawuleka ukuba uThixo wamngcwaba uMoses, ibe akukho mntu wakhe wafumanisa ukuba laliphi na ingcwaba lakhe. (Dut. 34:5, 6) Kodwa uYuda 9 usixelela ukuba isiphatha-zithunywa zezulu uMikayeli wabangisana noMtyholi ngesidumbu sikaMoses. Kwakutheni? Injongo kaThixo yokusifihla ukuze abantu bangazi apho babenokusifumana khona yayichazwe ngokucacileyo. Ngaba uTshaba lwalufuna ukwalathisela abantu kuloo mzimba ukuze ubekwe kwindawo ebonakalayo uze mhlawumbi ube yinto enokuhlonelwa?

      Ngokubhekisele ekuhlonelweni kwemifanekiso eqingqiweyo “yeengcwele,” bona umxholo omkhulu othi “ImiFanekiso Eqingqiweyo.”

      Kutheni le nto “iingcwele” zamaKatolika zizotywa zinesangqa sokukhanya?

      INew Catholic Encyclopedia ivuma ngelithi: “Into esetyenziswa ngokuqheleke gqitha, kuzo zonke iingcwele, lilifu, ukukhanya okuzotywe kwajikeleza intloko yengcwele. Oku kuvela kumaxesha angaphambi kobuKristu, ibe imizekelo yoku ifunyanwa kwimizobo yamaGrike eyayiphenjelelwa ngabahedeni; isangqa sokukhanya sasisetyenziswa, njengoko kwakunokubonwa kwimifanekiso eyayizotyiwe nakwiingqekembe zemali, koosingathixo noothixo abanjengoNeptune, uJupiter, uBacchus, ibe ngokukodwa uApollo (uthixo welanga).”—(1967), Umqu. XII, iphe. 963.

      IThe New Encyclopædia Britannica ithi: “KumaGrike nakwimizobo yamaRoma uthixo welanga onguHelios nabalawuli bamaRoma badla ngokubonakala benesithsaba semitha yelanga. Ngenxa yemvelaphi yako yobuhedeni, oku kwaphetshwa kwimizobo yamaKristu okuQala, kodwa ukukhanya okusisazinge kwasetyenziswa kubalawuli bamaKristu kwimizobo yabo engokwasemthethweni. Ukususela phakathi kwinkulungwane yesi-4, uKristu naye waboniswa enolu phawu olwalubonakala kubalawuli . . . ibe ngenkulungwane yesi-6 kwaba lisiko ukuba esi sazinge sokukhanya sibonakale kwiNtombi Enyulu enguMariya nakwezinye iingcwele.”—(1976), iMicropædia, Umqu. IV, iphe. 864.

      Ngaba kufanelekile ukuxuba ubuKristu nemifuziselo yabahedeni?

      “Kunabudlelane buni na ke ukukhanya nobumnyama? Unakuvumelana kuni na ke uKristu noBheliyali [uSathana]? Unasahlulelwano sini na okholwayo nongakholwayo? Inakudibana kuni na ke itempile kaThixo nezithixo? Kuba nina niyitempile kaThixo ophilileyo; njengokuba watshoyo uThixo ukuthi, Ndiya kuhlala phakathi kwabo, ndihambe phakathi kwabo; ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam bona.”—2 Kor. 6:14-18.

      Ngaba onke amalungu eqela lonqulo amele abe ziingcwele aze ngaloo ndlela angabi nasono?

      Ngokuqinisekileyo kuyinyaniso ukuba bonke ababebumba ibandla lamaKristu lenkulungwane yokuqala babeziingcwele. (1 Kor. 14:33, 34; 2 Kor. 1:1; 13:13, BX, RS, KJ) Bachazwa njengabo bathe ‘baxolelwa izono’ baza ‘bangcwaliswa’ nguThixo. (Ize. 26:18; 1 Kor. 1:2, BX, RS, KJ) Sekunjalo, abazange bathi abanazo zonke izono. Bazalwa beyinzala ka-Adam onesono. Eli lifa lalidla ngokwenza kube ngumzabalazo kubo ukwenza okufanelekileyo, njengoko umpostile uPawulos wavuma ngokuthobekileyo. (Roma 7:21-25) Ibe umpostile uYohane ngokungqalileyo wathi: “Ukuba sithi asinasono, siyazikhohlisa, inyaniso ayikho kuthi.” (1 Yoh. 1:8, BX, RS) Ngoko, ukuba yingcwele ngokwendlela eli gama elisetyenziswe ngayo kubalandeli bokwenyaniso bakaKristu akuthethi ukuba ngokwenyama abanazo zonke izono.

      Ngokubhekisele kwinto yokuba onke amaKristu okwenyaniso namhlanje aziingcwele ezinethemba lobomi basezulwini, bona iphepha 429-433.

      Ukuba Ubani Uthi—

      ‘Ngaba uyakholelwa kwiingcwele?’

      Usenokuphendula uthi: ‘Ziziphi ocinga ngazo?’ Ukuba umntu ukhankanya uMariya okanye/abapostile, mhlawumbi usenokongezelela uthi: (1) ‘Ewe ndiyakholelwa, kuyathethwa ngabo kwiZibhalo Ezingcwele, ibe ndiyakukholelwa okubhalwe apho. Kodwa ngokukhethekileyo ndinomdla koko bakwenzayo namhlanje nendlela oko okusichaphazela ngayo, andibi kunjalo nakuwe? . . . Ndifumanise into ebangel’ umdla gqitha ngazo apha kwiZibhalo Ezingcwele, ibe ndingathanda ukuba ndikuchazele yona. (ISityhi. 5:9, 10)’ [Phawula, oku kumele kusetyenziswe ukuba kuphakanyiswe umbuzo ngamazwi akwesi sibhalo: IJB ithi “baya kulawula ihlabathi.” ICC ifundeka ngokuthi “balawule phezu komhlaba.” IKx ithi “babe ngookumkani phezu komhlaba.” Kodwa iNAB neDy zifundeka ngokuthi “balawule emhlabeni.” Ukuze ufumane amagqabaza ngegrama yesiGrike, bona iphepha 433, phantsi kothi “IZulu.”] (2) ‘Buya kuba njani ubomi phantsi korhulumente ololo hlobo? (ISityhi. 21:2-4)’

      Okanye unokuthi (ukuba wakha waba ngumKatolika): ‘Kangangeminyaka emininzi bendibakho kwimigidi yeengcwele ibe ndithandaza ngokuthe rhoqo kuzo. Kodwa ke ndafunda into ethile kwiZibhalo Ezingcwele eyandibangela ukuba ndikuqwalasele kwakhona endandikwenza. Ndicela ukuba ndikubonise oko. (Bona iphepha 223.)’

  • UbuNgendawo
    Ukuqiqa NgeZibhalo
    • UbuNgendawo

      Ingcaciso: Yinto embi gqitha ngokokuziphatha. Idla ngokuthetha into enempembelelo eyenzakalisayo, embi, okanye etshabalalisayo.

      Kutheni kukho ubungendawo obungaka nje?

      UThixo akabekeki tyala. Wanika uluntu isiqalo esigqibeleleyo, kodwa abantu baye bakhetha ukuzityeshela izinto ezifunwa nguThixo baza bazigqibela ngokwabo ngoko kulungileyo noko kubi. (Dut. 32:4, 5; INtshu. 7:29; Gen. 3:5, 6) Ngokwenza oku, baye baba phantsi kwempembelelo yamandla angendawo nangaphaya komntu.—Efe. 6:11, 12.

      1 Yoh. 5:19: “Ihlabathi liphela lilele kongendawo.”

      ISityhi. 12:7-12: “Kwabakho imfazwe emazulwini, . . . inamba nezithunywa zayo zisilwa; azaba nakweyisa, kanjalo ayaba safunyanwa indawo yazo emazulwini. Yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka yakudala, leyo kuthiwa nguMtyholi, uSathana ke, lowo ulilahlekisayo elimiweyo liphela; yaphoswa emhlabeni, nezithunywa zayo zaphoswa kunye nayo. . . . Ngenxa yoko yibani nemihlali, nina mazulu, nani ninomnquba kuwo. Yeha, abo bawumiyo umhlaba nolwandle! ngokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi nje ukuba ixesha analo lincinane.” (Lo yeha wandileyo ehlabathini wenzeka ukususela ekuphosweni kukaSathana phantsi evela ezulwini emva kokuzalwa koBukumkani. Bona indinyana 10.)

      2 Tim. 3:1-5: “Ke, kwazi oku, ukuba ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha anomngcipheko. Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abaqhankqalazi, abakratshi, abanyelisi, abangeva bazali, abangabuleliyo, abangengcwele, abangenabubele, abangenatarhu, abatyholi, abangenakuzeyisa, izibhoja, abangenakuthanda kulunga, abancethezi, izityhuthutyhuthu, abathiwe lwale likratshi, abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo; benokumila kokuhlonela uThixo, ukanti bayawakhanyela amandla ako.” (Esi sisiqhamo sokuwexuka kunqulo lokwenyaniso kangangethuba eliziinkulungwane. Ezi meko ziye zavela ngenxa yokuba abantu abebesithi bangabonqulo baye bakutyeshela oko ngokwenene kuthethwa liLizwi likaThixo. Baye bawakhanyela amandla ukulunga kokuhlonel’ uThixo nokukokwenyaniso okunokuba nawo kubomi bukabani.)

      Kutheni uThixo ebuvumela nje?

      Maxa wambi kuthi kusenokubonakala ukuba eyona nto ilungileyo ibiya kusuka nje ibe kukushenxisa wonk’ ubani ongendawo. Siyakunqwenela ukuphela kobungendawo, ukanti thina sibubone iminyaka embalwa nje kuphela xa kuthelekiswa nexesha ebebukho ngalo ubungendawo. Umele avakalelwe njani uYehova uThixo? Kangangamawakawaka eminyaka abantu baye bambek’ ityala, bade bamthuka, ngenxa yeemeko ezimbi abaye bazinyamezela. Kanti, ezi meko zibangelwa, kungekhona nguye, kodwa zibangelwa nguSathana nabantu abangendawo. UYehova unawo amandla okutshabalalisa abangendawo. Ngokuqinisekileyo kumele kubekho izizathu ezilungileyo zokuba eye wazibamba kangaka. Ukuba indlela kaYehova yokusingatha imeko yahlukile kuleyo besiya kuyincomela, ngaba oko kumele kusimangalise? Amava akhe makhulu ngakumbi kunawomntu, ibe imbono yakhe ngemeko ibanzi ngakumbi kuneyakhe nabani na umntu.—Thelekisa uIsaya 55:8, 9; Hezekile 33:17.

      Bebungayi kubakho ubungendawo ukuba uThixo ebengazange azinike inkululeko izidalwa ezinengqiqo. Kodwa uThixo usinike amandla okukhetha ukumthobela ngenxa yokuba simthanda okanye sikhethe ukungamthobeli. (Dut. 30:19, 20; Yosh. 24:15) Ngaba sinqwenela ukuba ngekungazange kwenziwa oko? Ukuba singabazali, yintoni esenza sonwabe ngakumbi—xa abantwana bethu besithobela ngenxa yokuba besithanda okanye xa sibenza basithobele? Ngaba uThixo ngewayenyanzelise uAdam ukuba athobele? Ngaba ngokwenene besiza konwaba ngakumbi ukuba besiphila kwihlabathi apho besinyanzelwa ukuthobela uThixo? Ngaphambi kokutshabalalisa le nkqubo ingendawo, uThixo uvumela ithuba lokuba abantu bazibonakalise enoba bakufuna ngenene na ukuphila ngokuvisisana nemithetho yakhe yobulungisa okanye abafuni na. Ngexesha elimiselwe nguye, ngaphandle kokusilela uya kubatshabalalisa abangendawo.—2 Tes. 1:9, 10.

      Ngobulumko uvumela ixesha lokuzinzisa iimbambano ezibalulekileyo: (1) Ubulungisa nokulunga kolawulo lukaYehova kwacelw’ umngeni e-Eden. (Gen. 2:16, 17; 3:1-5) (2) Kwathandatyuzwa ingqibelelo yabo bonke abakhonzi bakaThixo ezulwini nasemhlabeni. (Yob. 1:6-11; 2:1-5; Luka 22:31) UThixo ngewabatshabalalisayo abavukeli (uSathana, uAdam, noEva) ngoko nangoko, kodwa oko ngekwakungazange kwayizinzisa imicimbi. Amandla akangqini ukuba isizathu sikabani sifanelekile. Iimbambano ezaphakanyiswayo yayizezokuziphatha. Ukuvumela kukaThixo ixesha, kwakungekuko ukungqina nayiphi na into kuye, kodwa yayikukuvumela zonke izidalwa zibe nenkululeko yokuzibonela ngokwazo isiqhamo esaveliswa kukuvukelwa kolawulo lwakhe, nokuzinika ithuba lokuzibonakalisa apho ngokobuqu zimi khona kule micimbi ibalulekileyo. Zakuba zizinzisiwe ezi mbambano, akuyi kuze kufuneke ukuba nabani na avunyelwe aphazamise uxolo. Ulungelelwano oluhle, imvisiswano nempilontle yendalo iphela zixhomekeke ekungcwalisweni kwegama likaYehova, ekuphathweni kwakhe ngembeko esuk’ entliziyweni zizo zonke izidalwa ezinengqiqo. (Bona kwanephepha 318, 319, phantsi komxholo othi “USathana UMtyholi.”

      Umzekelo: Ukuba ubani ukumangalela phambi kwabantu bonke ngelokuba uye wasisebenzisa kakubi isikhundla sakho njengentloko yentsapho waza wathi abantwana bakho bebeya kuba kwimeko entle ngakumbi ukuba bebenokuzenzela izigqibo ezizezabo ngaphandle kokukhokelwa nguwe, ibe bonke bebekuthobela, kungengakuba bekuthanda, kodwa bekuthobela ngenxa yeengenelo eziphathekayo obanika zona, yiyiphi eyona ndlela ilungileyo obuya kuwuzinzisa ngayo lo mcimbi? Ngaba ukudubula ummangali wobuxoki bekuya kuzenza ezi zimangalo zingabikho kwiingqondo zabantu abebekho? Kunoko, esinjani isicombululo ukuba sihle ebesiya kubakho ukuba ubunokunika abantwana bakho ithuba lokuba babe ngamangqina akho bebonisa ukuba uyintloko yentsapho esesikweni nenothando nokuba bahlala nawe ngenxa yokuba bekuthanda! Ukuba bambi babantwana bakho bebelukholelwa utshaba lwakho, bashiye ikhaya, baze bonakalise ubomi babo ngokwamkela olunye uhlobo lobomi, oko bekuya kwenza abakhi-mkhanya abanyanisekileyo baqonde ukuba aba bantwana ngebekwimeko entle ngakumbi ukuba bebeluthobele ulwalathiso lwakho.

      Ngaba nangayiphi na indlela siye sangenelwa kukuvumela kukaThixo ubungendawo ukuza kuthi ga kulo mhla?

      2 Pet. 3:9: “INkosi [uYehova, NW] ayilibali dinga, njengoko abathile baba iyalibala; isuka izeke kade umsindo kuthi, ingangi kungatshabalala nabani; inga bonke bangasinga enguqukweni.” (Ngenxa yokuba umonde wakhe uye wafikelela nakumhla wethu, sinethuba lokubonakalisa ukuba siguqukile yaye, endaweni yokuba sizenzele ezethu izigqibo ngokulungileyo nokubi, sifuna ukuzithoba kulawulo lukaYehova lobulungisa.)

      Roma 9:14-24: “Sithini na ke ngoko? Kukho ukuswela kulungisa kusini na kuye uThixo? Nakanye! . . . Hi, ukuba ke uThixo, ethanda ukubonakalalisa ingqumbo yakhe, nokwazisa amandla akhe, wathwala enokuzeka kade okukhulu izitya zengqumbo, zilungiselwe intshabalalo [oko kukuthi, wabunyamezela ubukho babantu abangendawo okwexesha elithile]; ukuze abazise ubutyebi bozuko lwakhe ezityeni zenceba, abezilungisele uzuko ngenxa engaphambili [oko kukuthi, elo xesha wayeya kulisebenzisela ukubonakalisa inceba kwabathile, ngokuvisisana nenjongo yakhe]; ezi wazibizayo, kwathina aba, kungekuwo amaYuda odwa, kukwiintlanga nazo?” (Ngaloo ndlela uThixo wayithintela intshabalalo yabangendawo ukuze avumele ixesha lokukhetha abantu awayeza kubazukisa noKristu njengamalungu oBukumkani basezulwini. Ngaba ukwenza kukaThixo oko kube yinto engekho sikweni kuye nabani na? Hayi akunjalo; kuyinxalenye yelungiselelo likaYehova lokusikelela abantu bazo zonke iindidi abaya kubabalwa ngethuba lokuphila ngonaphakade kumhlaba oyiparadisi. Thelekisa INdumiso 37:10, 11.)

      Ukuba Ubani Uthi—

      ‘Kutheni le nto uThixo evumela ubungendawo obunjalo?’

      Usenokuphendula uthi: ‘Umbuzo wakho mhle. Abakhonzi abathembekileyo bakaThixo abaninzi baye baphazanyiswa bubungendawo obubangqongileyo. (Hab. 1:3, 13)’ Mhlawumbi usenokongeza uthi: (1) ‘Oku akubangelwanga kukungakhathali kukaThixo. Uyasiqinisekisa ukuba umisele ixesha laxa eya kwenza abangendawo baziphendulele. (Hab. 2:3)’ (2) ‘Kodwa yintoni efunekayo kuthi ukuba siza kuba phakathi kwabasindi xa kufika elo xesha? (Hab. 2:4b; Zef. 2:3)’

      Okanye unokuthi: ‘Ndiyavuya kuba uye wawuphakamisa loo mbuzo. Ngumbuzo ophazamisa abantu abaninzi abantliziyo zinyanisekileyo. Apha ndinenkcazelo ethile eluncedo ngokwenene nephendula umbuzo wakho. (Ngoko fundani kunye inkcazelo ethile ekwiphepha 227-229.)’

      ‘Emva kwayo yonke le minyaka, andikholelwa ukuba uThixo uza kwenza nantoni na ukuguqula imicimbi’

      Usenokuphendula uthi: ‘Kuyandivuyisa ukuva ukuba uyakholelwa kuThixo. Ngokuqinisekileyo liyinyaniso elokuba ubungendawo buninzi, ibe baqalisa kudala ngaphambi kwexesha lethu. Kodwa ngaba uye wakuqwalasela oku . . . ? (Sebenzisa iingongoma ezikwisiqendu 2 kwiphepha 227, ngokubhekisele kubude bexesha uThixo athe wabunyamezela ngalo.)’

      Okanye unokuthi: ‘Ndiqinisekile uya kuvumelana nam xa ndisithi nabani na onabo ubuchule bokwakha indlu ngokuqinisekileyo unokukwazi nokuyicoca. . . . Ekubeni uThixo wadala umhlaba, bekungayi kuba ngumcimbi onzima ngaye ukuwucoca. Kutheni le nto elinde ithuba elide kangaka? Le mpendulo ndiyifumanise isanelisa gqitha. Khawundixelele oko wena ukucingayo. (Ngoko fundani kunye umbandela okwiphepha 227-229.)’

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share