IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w88 11/15 iphe. 21-24
  • ‘Amazwi Angawomoya’ Aluncedo Kwabaphazamiseke Ngokwasengqondweni

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ‘Amazwi Angawomoya’ Aluncedo Kwabaphazamiseke Ngokwasengqondweni
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • “Enze Msinya Ukuva”
  • Ukunikela Uncedo ‘Ungangcikivi’
  • Ukuphilisa Ngolwimi Lobulumko
  • Iintlanganiso Nenkonzo Yasentsimini
  • Ukunceda Iintsapho Zabo
  • Ukugcina Ingqibelelo
  • Ukugula Ngengqondo—Xa Kukhathaza UmKristu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Indlela Yokunceda Abadandathekileyo Bazuze Uvuyo Kwakhona
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Unokufumana Intuthuzelo Ngamaxesha Okubandezeleka
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • ‘Biza Abadala’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
w88 11/15 iphe. 21-24

‘Amazwi Angawomoya’ Aluncedo Kwabaphazamiseke Ngokwasengqondweni

IINGXAKI ezingokwasengqondweni zikwakhathaza nabathile abakhonzi abathembekileyo bakaThixo. Ibe ngoxa ngamathub’ athile kusenokuba yimfuneko kuze kube kokufanelekileyo ngabo baphazamisekileyo ukufuna uncedo lweengcali, kwakhona basekwanokungenelwa kuncedo nokhuthazo oluvela kwibandla lamaKristu. Ngokomzekelo, xa umKristu othembekileyo uEpafrodito wathi wadandatheka ngokunzulu, amakholwa angoowabo aseFilipi abongozwa ukuba angakutyesheli ukuphazamiseka kwakhe kodwa ‘amamkele ngokwaseNkosini, enovuyo lonke; awathande loo madoda.’—Filipi 2:25-29.

Ngokufanayo namhlanje amaNgqina kaYehova anemfanelo yokuba ‘athuthuzelane’ nokuba ‘abasekele abathambileyo.’ (1 Tesalonika 5:11, 14) Abadala abangamaKristu bafanele bakhokele ngokumalunga noku.—Isaya 32:2.

Kambe ke, ngokuqhelekileyo abadala abanazimfaneleko zakukhonza njengoogqirha bezamayeza okanye basebenzise iimbono namagama asetyenziswa kwizifundo zezigulo zengqondo. Ukwenjenjalo bekuya kuba kokungafanelekanga de mhlawumbi kube yingozi. (IMizekeliso 11:2) Njengompostile uPawulos, bamele ‘bathethe, kungengamazwi anokufundiswa bubulumko babantu, koko kungalawo anokufundiswa ngumoya: izinto ezizezomoya bezilungelelanisa namazwi la angawomoya.’ (1 Korinte 2:13) La ‘mazwi angawomoya’ aquka iingcinga nemigaqo efunyanwa eBhayibhileni. Esetyenziswa ngokuchanileyo, la mazwi anokwenza okungakumbi ekuthuthuzeleni nasekomelezeni abantu abaphazamisekileyo ngokweemvakalelo.—2 Timoti 3:16.

“Enze Msinya Ukuva”

Ngoko, okokuqala, abadala bamele ‘benze msinya ukuva, benze kade ukuthetha.’ (Yakobi 1:19) ‘Ukuphendula ilizwi ungekeva’ ngokulula kunokuphumela ekunikeleni icebiso elingafanelekanga. (IMizekeliso 18:13) Lisilela ukufumanisa uhlobo lokuphazamiseka kwengqondo okudandathekisayo komzalwana othile, elinye iqela labadala lamgweba phosakeleyo njengobuthathaka ngokomoya. “Thandaza ngokungakumbi,” bamxelela oko—umyalelo awawufumanisa kunzima ukuwusebenzisa ngenxa yemeko yakhe yokudandatheka ngokwasengqondweni.

Ngoko, ngaphambi kokunika isiluleko, abadala bafanele baphulaphule yonke into ayithethayo lowo ugulayo. Mhlawumbi, akufunayo nje ngumphulaphuli olungileyo. Ngomonde nangokuqonda, ‘kurholeni’ oko kusentliziyweni yakhe. (IMizekeliso 20:5) Ukuba umntu ophazamisekileyo unobunzima bokuzichaza iimvakalelo zakhe, khumbula indlela uElikana awayibuza ngobubele kodwa ngokungqalileyo ngayo imibuzo ngemeko eyayibangele ukuba ntshingintshingi komkakhe. Wambuza, “Hana, ulilelani na? Yini na ukuba ungadli? Yini na ukuba ibe mbi intliziyo yakho?” (1 Samuweli 1:8) Imibuzo echuliweyo, ebuzwa ngobunono, ngokufuthi inokumnceda umzalwana odandathekileyo ukuba awazi umthombo ‘wonxunguphalo’ lwakhe. (IMizekeliso 12:25) Ngokomzekelo, kwenye imeko iingxaki zomtshato zingqineka zingunobangela wokudandatheka komzalwana.

Ukunikela Uncedo ‘Ungangcikivi’

Abantu abaphazamisekileyo abasoloko beneenkcazelo ezisengqiqweni ngendlela abavakalelwa ngayo. Elinye ixhoba lokugula ngengqondo libhala oku: “Xa ndagulayo, andizange ndikuqonde oko ibe maxa wambi ndandibek’ ityala uYehova.” Ngaloo ndlela abo bathwaxwa luxinezeleko basenokwenza izikhalazo ezingenazizathu zokuba baye baphathwa kakubi okanye balahlelwa kwesinomhlwa libandla. Bafanele basabele njani abadala?

UYehova umisela umzekelo ‘ngokunika bonke engangcikivi.’ (Yakobi 1:5) Abo bagulayo abafanele benziwe bazive bezizidenge okanye izibhanxa ngenxa yokuvakalelwa ngendlela abavakalelwa ngayo. Iimvakalelo zabo—nakubeni zisenokuba zezingekho ngqiqweni—ziyinene kubo. Bafuna ‘uvelwano,’ ingekuko ukugxekwa. (1 Petros 3:8) Kwakhona abadala bafanele bakulumkele ukongezelela kwiimvakalelo ezingumthwalo zalo ugulayo ngokumtyhola ngokwenza okubi. Indoda elilungisa uYobhi yayiphazamiseke gqitha kangangokuba yathi ngokulusizi: “Umphefumlo wam udimele bubomi bam.” (Yobhi 10:1) Kodwa abahlobo bayo abathathu abazange bayithuthuzele. Omnye wabo wakwathi: “Ububi bakho abubukhulu na? Ubugwenxa bakho asibobungaphele ndawo na?”—Yobhi 22:5.

Noko ke, maxa wambi, ihambo engentle ingunobangela wokuphazamiseka ngokweemvakalelo okanye yongezelela kubukrakra bakho. Umdumisi uDavide wathi, “Ndithi ndakuthi cwaka [ekwenziweni kokubi], aluphale amathambo am ngokubhonga kwam imihla yonke.” (INdumiso 32:3) Ngokufanayo, omnye umzalwana wakhathazwa yintlungu enkulu ngolo hlobo yokuphazamiseka ngokwasengqondweni kangangokuba akazange akwazi ukuqhubeka esebenza. Wawuyintoni unobangela wokuphazamiseka kwakhe? Yayisisenzo sokukrexeza awayesenzile waza wasifihla. Ngoko ukuba kukho isizathu sokucingela ukuba ukwenziwa kokubi kubandakanyekile, abadala banokukuhlolisisa oku njengento enokwenzeka. Kodwa bafanele bakwenze oku ngendlela enobubele, kungekuko ukusuka ngokungcikivayo bamtyhole umntu lowo ngobubi.

Ukuphilisa Ngolwimi Lobulumko

Emva kokuba abadala bekwenzile oko banokukwenza ukuhlolisisa uhlobo elulo ingxaki yomntu, bamele benze ngokuvisisana neMizekeliso 12:18, ethi: “Ke lona ulwimi lwezilumko luyaphilisa.” Abadala abanakusinyanga isigulo ngokwaso. Kodwa ngokusebenzisa amazwi akhethwe ngenyameko, basenokukwazi ukubakhulula abantu abaphazamiseke ngokwasengqondweni kwintlungu engeyomfuneko nodandatheko. Abadala basenokuqala ngokukhetha amanqaku eMboniselo noVukani! athetha ngeengxaki zeemvakalelo nezengqondo. La manqaku anokuxutyushwa nabo badandathekileyo ukuze bancedwe ukuba bayiqonde kakuhle imeko yabo. Ngokufuthi bayathuthuzeleka kukwazi ukuba ingxaki yabo ingumphumo wokungafezeki ngokwasemzimbeni, kungekuko ukulahlekelwa yinkoliseko kaYehova.

Kuyavunywa ukuba, kunokuba nzima ukuqhubana nabantu abaphazamisekileyo, bambi bade babe ndlongondlongo ngokugqithiseleyo. Ukanti, umdala olumkileyo ukhumbula ukuba “impendulo ethambileyo ibuyisa ubushushu.” (IMizekeliso 15:1) Ngokuqinisekisa ukuba amazwi akhe asoloko emnandi oko kuyamthintela ekuyenzeni mbi ngakumbi ngokungeyomfuneko imeko. (Kolose 4:6) Ngokomzekelo, umzalwana onesigulo esiyischizophrenia (uhlobo oluthile lokuphazamiseka kwengqondo) usenokuzingisa ekuthini uva amazwi.a UGqr. E. Fuller Torrey, uphawula oku: ‘Akuzisi miphumo ilungileyo ukuzama ukuphikisana nabantu abaneschizophrenia ngelithi iinkolelo zabo zibubuxoki. Amalinge okwenjenjalo ngokufuthi aphumela ekungaqondanini nakwimisindo. Kunokuphikisana naye, yenza nje inkcazelo yokungavumelani naye.’ Ngamanye amazwi, abadala banokucacisa ngomonde ukuba nakubeni loo mazwi ebonakala eyinene, kunokwenzeka nje ukuba ingqondo yakhe idlala nje ngaye.

Ukusetyenziswa ngokunempumelelo kweBhayibhile nako kunokuzisa imiphumo emihle. (Hebhere 4:12) Ngokomzekelo, ukuba umntu ogulayo ubonakalisa uloyiko olungenangqiqo lokuba uThixo umshiyile, ngobubele bonakalisa ulwazelelelo ngoloyiko lwakhe. Noko ke, kwangaxeshanye, ngomonde mkhumbuze ngamandla entlawulelo, usebenzisa iindinyana ezinjengeNdumiso 103:8-14 neyoku-1 kaYohane 2:1, 2. EyokuQala kaPetros 5:6, 7 namaRoma 8:26, 27 zisenokumnceda ukuba ayixabise into yokuba uThixo ‘emkhathalele’ eyiva nemithandazo yakhe, kwanaxa kunzima kuye ukuzichaza ngamazwi iimvakalelo zakhe. Belandela umgaqo okuYakobi 5:14, ngoko abadala banokuthandaza nalo mntu uphazamiseke ngokwasengqondweni.

Kuthekani ukuba lo ugulayo utyekela ekucatshukisweni zizinto nje ezincinane? Unokukhunjuzwa isiluleko seBhayibhile sokungabi “lilungisa ngokukhulu.” (INtshumayeli 7:16) Omnye usenokungenelwa lukhuthazo olukwabaseFilipi 4:8, olunokumnceda ekulweni iingcinga ezimbi. Ukanti omnye usenokungakwamkeli ukusikelwa umda kwakhe ibe usenokudimazeka ngenxa yokuba isigulo sakhe sinciphisa umsebenzi wakhe wobuKristu. Iindinyana ezinjengoMateyu 13:23 noLuka 21:1-4 zinokusetyenziswa ukumnceda aqonde ukuba nangona iimeko zethu zisenokukunciphisa oko sinokukwenza, uYehova uyixabisa ngokunzulu imigudu yethu.

Ewe, bexhotyiswe ngolwimi oluqeqeshwe yiBhayibhile, abadala banokwenza okukhulu ukunceda nokuthuthuzela amakholwa angoowabo aphazamisekileyo ngokweemvakalelo. Omnye udade owayeguliswa ziingxaki ezingokwengqondo uthi: “Ngokwenene ndiyakuxabisa oko uIsaya 32:2 akutshoyo ngabadala ebandleni. Babesoloko belapho namacebiso aluncedo xa ndandiwafuna.”

Iintlanganiso Nenkonzo Yasentsimini

Umntu ophazamiseke ngokwasengqondweni usenazo iintswelo ezingokomoya. (Mateyu 5:3) Eneneni, ukuhlala bomelele ngokomoya kuye kwathetha umahluko phakathi kokuphila nokufa kwabathile. UIrene, owayegula yischizophrenia kangangeminyaka engama-30, ukhumbula oku: “Ngamanye amaxesha, ndandilahlekelwe gqitha kukusebenza kakuhle kwengqondo. Kodwa inyaniso yayisoloko isengqondweni yam—iqine okwelitye. Yandithintela ekuzibulaleni!”

Ngoko ke, ukusa kumlinganiselo ekunokwenzeka ngawo, umntu ogulayo umele akhuthazwe ukuba nesabelo kumsebenzi wokushumayela nokuya ezintlanganisweni, ‘angazahluli.’ (IMizekeliso 18:1) Ngenxa yokugula ngengqondo, le yindlela omnye udade awavakalelwa ngayo: ‘Ndandeyisekile kukuba ndandone ngokungaxolelekiyo kuThixo wethu, uYehova. Umphumo waba kukuba, ndayitolika ngendlela yam yonk’ into endandiyiva ezintlanganisweni. Yonk’ into eyayigwetywa, ndandiyenza.’ Kodwa wazingisa ekuyeni ezintlanganisweni waza ekugqibeleni weva intetho eyathi yamnceda ukuba oyise ukuzicingela kwakhe kokuba ecekisiwe nguThixo.

Ngoko, kuthekani ukuba umntu ogula kakhulu uba ndlongondlongo aze aphazamise iintlanganiso zebandla okanye inkonzo yasentsimini? Kunokwenzeka ukuba, lo ugulayo akananjongo zingendawo kodwa uphazamiseke nje ngenxa yeengcinga eziphambeneyo. Sekunjalo, oku kunokuba luvavanyo kubo bonke ababandakanyekileyo. Ukuba uphazamisa kancinane okanye akaphazamisi ngokuthe rhoqo, ngokunokwenzeka ibandla liya kubonakalisa ukuzeka kade umsindo. (Kolose 3:12, 13) Ngapha koko, kusenokuba yimfuneko ukucebisa ukuba lo ugulayo ahlale apho nakuphi na ukuphazamisa anokukwenza kungayi kuphazamisa kangako. Kwakhona kunokwenziwa amalungiselelo othando okugcina umntu onjalo ekhuthele kumsebenzi wokushumayela, mhlawumbi kuqinisekiswa ukuba usoloko ephelekwa ngumvakalisi okhulileyo, noqondayo, okanye aye kwizifundo zeBhayibhile zamakhaya apho imeko yakhe iqondwayo yaye inyanyezelwa.

Noko ke, maxa wambi ihambo yomntu iba yeyothusayo, ezisa ugculelo, okanye engalawuleki ngokuyingozi. Mhlawumbi ubani lowo ukuyekile ukusebenzisa amayeza akhe ekuthiwa makawasebenzise ibe ufuna nje ukhuthazo olunamandla lokuba abuyele kwindlela yakhe eqhelekileyo yokusebenzisa loo mayeza. Kodwa ukuba akasabeli okanye izenzo zalo mntu eziphazamisayo ziyaqhubeka, kusenokuba yimfuneko ukumalela ukuya ezintlanganisweni nakwinkonzo yasentsimini ukuze kulondolozwe ucwangco. (1 Korinte 14:40) Ngendlela enobubele, abadala bafanele bamxelele umntu ogulayo ukuba akagwetywa engongathembekanga kodwa nje ukugula kwakhe kuyakunciphisa oko anokukwenza. ‘Akanantswela-bulungisa uThixo, ukude awulibale umsebenzi wakhe,’ yaye Uyakuqonda ukusikelw’ umda kwakhe. (Hebhere 6:10) Amatyelelo athe rhoqo okwalusa aya kumnceda lowo ukuba alondoloze ubumoya bakhe de imeko yakhe iphuculwe.

Ukunceda Iintsapho Zabo

Ukugula ngengqondo kubangela ukungabikho kocwangco nokudideka okukhulu ezintsatsheni. Umzalwana ononyana okhulileyo ogula kakhulu ngengqondo uthi, “Bekutyumz’ intliziyo ngokwenene.” Umkakhe walek’ umsundulo esithi, “Usuku emva kolunye akubonakali nto ibhetele. Kuye kwawuchaphazela umtshato wethu njengoko maxa wambi sizifumanisa sisilwa omnye nomnye.” Kwakhona, ‘khawuthelekelele, intlungu yokubona iqabane lomtshato lisoyiseka kukugula ngengqondo. Omnye umzalwana uthi: “Umkam uneempawu ze-‘paranoid schizophrenic.’ Uva amazwi yaye uyakwala ukunyangwa ngenxa yokuba ukholelwa ukuba kuya ‘kumfaka ityhefu emzimbeni.’ Akakholelwa ukuba ndingumyeni wakhe ibe akavumi ukuya entsimini okanye ezintlanganisweni.” Sinokuzinceda njani iintsapho zabo bathwaxwa zezo ngxaki?

UPawulos wathi: “Thethani ngokuthuthuzelayo kwimiphefumlo exinezelekileyo.” (1 Tesalonika 5:14, NW) Bekuya kuba yinkohlakalo ukuwabaleka okanye ukuwatyeshela amaKristu angoowethu awenza umgudu onzima ukunyamekela ilungu lentsapho eligula ngengqondo. UPawulos wathi, “Yamkelanani.” (Roma 15:7) Iintlanganiso zamaKristu zisinika ithuba lokwenjenjalo ngokufudumeleyo nokubonakalisa uthando noxabiso ngabo ‘bafunda [ukuqhelisela] ukuhlonela uThixo kwelabo ikhaya.’—1 Timoti 5:4.

Xa bekumatyelelo okwalusa, abadala banokubakhuthaza ngokubhekele phaya abantu abanjalo ukuba baqhubeke nesifundo sentsapho, ukuya ezintlanganisweni nokuhlala bekhuthele njengabashumayeli boBukumkani. Noko ke, xa kufikelelwa kwiintswelo zabo zokuphathekayo neziluncedo, ibandla lifanele lenze okungakumbi kunokuthi “Yothani, hluthani.” (Yakobi 2:16) Mhlawumbi le ntsapho ifuna ukuncedwa ekuyeni ezintlanganisweni. Bambi basenokukwazi ukubanceda kumatyala abo akhulayo aziindleko zezamayeza. (1 Yohane 3:17, 18) Hayi indlela exatyiswa ngayo inkxalabo enjalo yothando! Umyeni wodade ogula ngengqondo uthi: “Ibandla liyayazi ingxaki yethu, ibe ngothando olugqithiseleyo libonakalisa ukuba liyakhathala.”

Ukugcina Ingqibelelo

UPawulos wathi, “Yonke indalo iyancwina, inenimba kunye, unangoku.” (Roma 8:22) Ibe ukuphazamiseka ngokwasengqondweni kuyenye nje intlungu ezuzw’ ilifa ngenxa yokungafezeki. Oogqirha basenokunikela umlinganiselo othile woncedo. Kodwa abaninzi abaye bafuna uncedo lwabo baye baba namava afana nalawo entokazi yomhla kaYesu “eyayive ubunzima obuninzi kumagqirha amaninzi, eyayidleke konke ebinako, ingasizakali lutho, imana ukuba mandundu.”—Marko 5:26.

Ngoko, abaninzi bamele bafunde ukuzinyamezela iingxaki zabo, bekhangele kwinkululeko yokwenene kwihlabathi elitsha likaThixo. (ISityhilelo 21:3, 4) Umdumisi wathi, “Mbonge uYehova, . . . ulophilisa zonke izifo zakho.” (INdumiso 103:2, 3) Okwangoku, eyona nto ibalulekileyo esimele siyixhalabele imele ingabi kukuba nempilo efezekileyo engokwasengqondweni okanye impilo engokwasemzimbeni, kodwa kukuba sizingqine sigqibelele. (INdumiso 26:11; thelekisa eyoku-1 yabaseKorinte 7:29-31.) Ukuguliswa kukuphazamiseka ngokwasengqondweni kusenokukwenza kube nzima oku. Kodwa abakhonzi abaninzi bakaThixo, abanjengoPawulos, baye bamkhonza ngokuthembekileyo ‘benoviko enyameni.’ (2 Korinte 12:7) Elinye ixhoba lokugula ngokwasengqondweni lithi, “Ndiye ndafumanisa ukuba akukho gqirha, kwanabazalwana, abanokundinyanga. Kodwa ndiye ndafunda ukuthembela kuYehova.” Abantu abaphazamiseke ngokwasengqondweni bakwanokuthembela kubazalwana noodade abanothando abathi ngomonde bathethe “amazwi angawomoya,” ekubathuthuzeleni nasekubaxhaseni.

[Umbhalo osemazantsi]

a Inqaku elithi “Ukugula Ngengqondo—Xa Kukhathaza UmKristu” kwiMboniselo kaOktobha 15, 1988, kwanikelwa amacebiso okuzinzisa iimeko zaxa kukrokrelwa impembelelo yobudemon.

[Umfanekiso okwiphepha 21]

“Amazwi angawomoya” avela kubadala abanothando anokwenza okukhulu ukunceda abantu abaphazamisekileyo ngokwasengqondweni

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share