IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Igama LikaThixo—Ukusetyenziswa Kwalo Nentsingiselo Yalo
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
    • UThixo wayichaza ngokwakhe intsingiselo yegama lakhe kumkhonzi wakhe othembekileyo uMoses. Xa uMoses wabuza ngegama likaThixo, uYehova wamphendula wathi: “Ndinguye lowo ndiya kuzingqina ndinguye.” (Eksodus 3:14) Inguqulelo kaRotherham iwaguqulela ngolu hlobo la mazwi: “Ndiyiloo nto ndinqwenela ukuba yiyo.” Ngoko uYehova unokuba yiyo nantoni na amele abe yiyo ukuze kuzaliseke iinjongo zakhe.

      Masithi ubukwazi ukuba yiyo nantoni na ofuna ukuba yiyo. Ubuya kubenzela ntoni abahlobo bakho? Xa omnye wabo egula kakhulu, ubunokuba ngugqirha olichule uze umnyange. Xa omnye elahlekelwa yimali, ubunokuba sisityebi uze umhlangule kuloo meko. Noko ke, inyaniso ikukuba, akunakukwazi ukuba yinto yonke. Sonke sinamandla alinganiselweyo. Njengoko ufundisisa iBhayibhile, uza kumangaliswa kukubona indlela uYehova aba yiyo nantoni na amele abe yiyo ukuze azalisekise izithembiso zakhe. Yaye uyakuvuyela ukusebenzisa amandla akhe ukuze ancede abo bamthandayo. (2 Kronike 16:9) Le nkalo intle kangaka yobuntu bukaYehova iyasitheka kwabo bangalaziyo igama lakhe.

      Ngokucacileyo, igama elithi Yehova limele lifakwe eBhayibhileni. Ukwazi intsingiselo yalo nokulisebenzisa ngokukhululekileyo ekunquleni kwethu, kuya kusinceda ukuba sisondele ngakumbi kuBawo wethu wasezulwini, uYehova.a

  • Indlela Isiprofeto SikaDaniyeli Esikuchaza Ngayo Ukufika KukaMesiya
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
    • ISIHLOMELO

      Indlela Isiprofeto SikaDaniyeli Esikuchaza Ngayo Ukufika KukaMesiya

      UMPROFETI uDaniyeli wayephila kwiminyaka engaphezu kwama-500 ngaphambi kokuzalwa kukaYesu. Sekunjalo, uYehova wanika uDaniyeli inkcazelo eyayiza kunceda ekuqondeni ixesha uYesu awayeza kuthanjiswa, okanye amiselwe ngalo njengoMesiya, okanye uKristu. UDaniyeli waxelelwa oku: “Yazi ke, uqonde ukuba, ukususela ekuphumeni kwelizwi lokuba ibuyiselwe ize yakhiwe kwakhona iYerusalem kude kuse kuMesiya iNkokeli, yoba ziiveki ezisixhenxe, neeveki ezingamashumi amathandathu anesibini.”—Daniyeli 9:25.

      Ukuze siqonde ixesha lokufika kukaMesiya, okokuqala simele sazi unyaka ekubalwa ukususela kuwo. Isiprofeto sithi simele sibale “ukususela ekuphumeni kwelizwi lokuba ibuyiselwe ize yakhiwe kwakhona iYerusalem.” ‘Liphume nini ke elo lizwi’? Ngokutsho kombhali weBhayibhile uNehemiya, ilizwi lokuba zakhiwe kwakhona iindonga zeYerusalem laphuma “ngonyaka wamashumi amabini ka-Artashashta ukumkani.” (Nehemiya 2:1, 5-8) Ababhali-mbali baye baqinisekisa ukuba uArtashashta waqalisa ukulawula ngonyaka wama-475 B.C.E. Ngoko unyaka wama-20 wolawulo lwakhe waba ngowama-455 B.C.E. Ngoku siwufumene unyaka esaqala ngawo ukusebenza isiprofeto sikaDaniyeli esingokufika kukaMesiya, unyaka wama-455 B.C.E.

      UDaniyeli uchaza ubude bexesha elaliza kugqitha ngaphambi kokufika ‘kukaMesiya iNkokeli.’ Isiprofeto sikhankanya “iiveki ezisixhenxe, neeveki ezingamashumi amathandathu anesibini”—oko kukuthi iiveki ezingama-69 zizonke. Lide kangakanani elo xesha? Iinguqulelo eziliqela zeBhayibhile zibonisa ukuba ezi veki zazingabalwa ngokweentsuku ezisixhenxe, kodwa ngokweminyaka. Oko kukuthi, veki nganye yayiyiminyaka esixhenxe. Le ndlela yokugqala iminyaka esixhenxe njengeveki yayiqhelekile kumaYuda amandulo. Ngokomzekelo, ayewugqala unyaka wesixhenxe njengonyaka weSabatha. (Eksodus 23:10, 11) Ngoko, iiveki ezingama-69 zesiprofeto zazibhekisela kwiiveki zeminyaka, nto leyo ethetha ukuba zizonke zaziyiminyaka engama-483.

      Ngoku ke makhe sizibale ezi veki. Ukuba sibala iminyaka engama-483 ukususela kowama-455 B.C.E., sifikelela kunyaka wama-29 C.E. Lowo ngunyaka kanye awabhaptizwa ngawo uYesu waza waba nguMesiya!a (Luka 3:1, 2, 21, 22) Ngaba ayimangalisi na indlela esizaliseke ngayo esi siprofeto seBhayibhile?

      Isicangca: Isiprofeto seeveki ezingamashumi asixhenxe esikuDaniyeli 9 sichaza kwangaphambili ngokufika kukaMesiya

      a Ukususela kowama-455 B.C.E. ukusa ku-1 B.C.E. yiminyaka engama-454. Ukususela ku-1 B.C.E. ukusa ku-1 C.E. ngunyaka omnye (ekubeni wawungekho unyaka ongunothi). Yaye ukususela ku-1 C.E. ukusa kowama-29 C.E. yiminyaka engama-28. Xa sidibanisa le minyaka mithathu sifumana isimbuku seminyaka engama-483. UYesu ‘wanqunyulwa’ okanye wafa ngowama-33 C.E., ebudeni beveki yama-70. (Daniyeli 9:24, 26) Bona incwadi ethi Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli! isahluko 11, ne-Insight on the Scriptures, uMqulu 2, iphepha 899-901. Zombini zipapashwe ngamaNgqina kaYehova.

  • UYesu Kristu—UMesiya Othenjisiweyo
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
    • ISIHLOMELO

      UYesu Kristu—UMesiya Othenjisiweyo

      UKUZE asincede sazi ukuba ngubani uMesiya, uYehova uThixo uye waphefumlela abaprofeti abaninzi beBhayibhile ukuze banikele iinkcukacha ngokuzalwa kwalo Mhlanguli, nangobulungiseleli bakhe, kwanokufa kwakhe. Zonke ezi ziprofeto zeBhayibhile zazaliseka kuYesu Kristu. Iyamangalisa into yokuba ziye zazaliseka ngokweenkcukacha zazo zonke. Ukuzekelisa oku, makhe sihlolisise iziprofeto ezimbalwa ezachaza kwangaphambili iziganeko eziphathelele ukuzalwa kukaMesiya nokukhula kwakhe.

      Umprofeti uIsaya wachaza kwangaphambili ukuba uMesiya wayeza kuphuma kumnombo kaKumkani uDavide. (Isaya 9:7) Eneneni uYesu wazalwa kumnombo kaDavide.—Mateyu 1:1, 6-17.

      Omnye umprofeti kaThixo onguMika, waxela kwangaphambili ukuba lo mntwana wayeza kuthi kamva abe ngumlawuli yaye wayeza kuzalelwa ‘eBhetelehem Efrata.’ (Mika 5:2) Ngexesha lokuzalwa kukaYesu, kwakukho iidolophu ezimbini kwaSirayeli ezazibizwa ngokuba yiBhetelehem. Enye yayikufuphi neNazarete kumantla elo lizwe, enye ikufuphi neYerusalem kwaYuda. IBhetelehem eyayikufuphi neYerusalem yayikade ibizwa ngokuba yiEfrata. UYesu wazalelwa kuloo dolophu, kanye njengokuba isiprofeto sasichazile!—Mateyu 2:1.

      Esinye isiprofeto seBhayibhile sachaza kwangaphambili ukuba uNyana kaThixo wayeza ‘kubizwa ukuba aphume eYiputa.’ Ngoxa wayesengumntwana, uYesu wasiwa eYiputa. Wabuyiswa emva kokufa kukaHerode, ngaloo ndlela kwazaliseka isiprofeto.—Hoseya 11:1; Mateyu 2:15.

      Kuluhlu olukwiphepha 200, izibhalo ezidweliswe ngaphantsi komxholo othi “Isiprofeto” zineenkcukacha eziphathelele uMesiya. Nceda uzithelekise kunye nezibhalo ezidweliswe ngaphantsi komxholo othi “Ukuzaliseka Kwaso.” Oko kuya kukwenza ukuba ulithembe ngakumbi iLizwi likaThixo.

      Ngoxa uhlolisisa ezi zibhalo, khumbula ukuba ezo zesiprofeto zabhalwa kumakhulukhulu eminyaka ngaphambi kokuzalwa kukaYesu. UYesu wathi: “Zonke izinto ezibhaliweyo ngam emthethweni kaMoses nakubaProfeti nakwiiNdumiso zimelwe kukuzaliseka.” (Luka 24:44) Njengokuba nawe unokuzihlolela kwiBhayibhile yakho, ngokwenene zazaliseka—ngokweenkcukacha zazo zonke!

      IZIPROFETO EZIPHATHELELE UMESIYA

      ISIGANEKO

      ISIPROFETO

      UKUZALISEKA KWASO

      Wazalwa kwisizwe sakwaYuda

      Genesis 49:10

      Luka 3:23-33

      Wazalwa yintombi enyulu

      Isaya 7:14

      Mateyu 1:18-25

      Wavela kumnombo kaKumkani uDavide

      Isaya 9:7

      Mateyu 1:1, 6-17

      UYehova wathi nguNyana wakhe

      INdumiso 2:7

      Mateyu 3:17

      Abazange bakholwe kuye

      Isaya 53:1

      Yohane 12:37, 38

      Wangena eYerusalem ekhwele iesile

      Zekariya 9:9

      Mateyu 21:1-9

      Wangcatshwa ngumhlobo wakhe

      INdumiso 41:9

      Yohane 13:18, 21-30

      Wangcatshwa ngamaqhosha esilivere angama-30

      Zekariya 11:12

      Mateyu 26:14-16

      Wathula phambi kwabamangaleli bakhe

      Isaya 53:7

      Mateyu 27:11-14

      Kwenziwa amaqashiso ngezambatho zakhe

      INdumiso 22:18

      Mateyu 27:35

      Bamtshabhisa ngoxa wayesesibondeni

      INdumiso 22:7, 8

      Mateyu 27:39-43

      Akukho nalinye ithambo lakhe elaphulwayo

      INdumiso 34:20

      Yohane 9:33, 36

      Wangcwatywa kunye nezityebi

      Isaya 53:9

      Mateyu 27:57-60

      Wavuswa ngaphambi kokuba umzimba wonakale

      INdumiso 16:10

      IZenzo 2:24, 27

      Waphakanyiselwa ngasekunene kukaThixo

      INdumiso 110:1

      IZenzo 7:56

  • Inyaniso NgoYise, UNyana, NoMoya Oyingcwele
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
    • ISIHLOMELO

      Inyaniso NgoYise, UNyana, NoMoya Oyingcwele

      ABANTU abakholelwa kwimfundiso kaBathathu Emnye bathi uThixo ungabantu abathathu—uYise, uNyana, noMoya Oyingcwele. Kuthiwa aba bantu bathathu bayalingana, bangoosomandla, yaye abanasiqalo. Ngoko imfundiso kaBathathu Emnye ithi uYise nguThixo, uNyana nguThixo, noMoya Oyingcwele nguThixo, kodwa bonke banguThixo omnye.

      Abantu abaninzi abakholelwa kuBathathu Emnye bayavuma

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share