IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Isiprofeto—Ingxelo Egqibeleleyo
    IMboniselo—2012 | Juni 1
    • Isiprofeto—Ingxelo Egqibeleleyo

      “Akusilelanga nalinye ilizwi kuwo onke amazwi alungileyo uYehova uThixo wenu awathethileyo kuni.”—YOSHUWA 23:14.

      YAHLUKE NJANI IBHAYIBHILE? Oosiyazi bamandulo bangumgub’ engxow’ enye nabavumisi ngeenkwenkwezi bale mihla ngenxa yokuba babedume ngokunganyaniseki nokungathembeki. Inzululwazi yekamva ichaza izinto eziza kwenzeka kwikamva ngokusekelwe kwizinto ezenzeka ngoku. Ngokwahlukileyo kuyo iziprofeto zeBhayibhile zichanile yaye zihlala ziba yinyaniso, kwanokuba zixelwe “kudala izinto ebezingekenziwa.”—Isaya 46:10.

      UMZEKELO: Ngenkulungwane yeshumi elinesithandathu Ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo, umprofeti uDaniyeli wabona umbono owaxela kwangaphambili ukoyiswa kwamaMedi namaPersi ngamaGrike. Kwakhona waxela kwangaphambili ukuba ngokukhawuleza ‘esakuba namandla’ ukumkani wamaGrike ubukumkani babuza ‘kophuka.’ Ngubani owayeza kungena ezihlangwini zakhe? UDaniyeli wabhala wathi kwakuza kubakho: “Izikumkani ezine kuhlanga lwakhe, kodwa amandla azo aya kuba nganeno kwawakhe.”—Daniyeli 8:5-8, 20-22.

      ZITHINI IZAZI NGEMBALI: Emva kweminyaka engama-200 emva kwemihla kaDaniyeli, uAleksandire oMkhulu waba ngukumkani waseGrisi. Kwiminyaka nje elishumi, uAleksandire waboyisa uBukhosi bamaMedi namaPersi lwaza ulawulo lwamaGrike lwahamba lwaya kuthi xhaxhe ngoMlambo i-Indus (esePakistan namhlanje). Kodwa wafa ngesiquphe eneminyaka engama-32 nje ubudala. Ekugqibeleni, ubukhosi bakhe babhanga emva kwedabi elaliseIpsus eAsiya Mayina. Amagorha awoyisa kwelo dabi ohlulelana ngobo Bukhosi. Kodwa ke, akakho kubo owaba nobukhosi obulingana nobukaAleksandire.

      UTHINI WENA? Ngaba ikho enye incwadi eneziprofeto eziye zazaliseka ngale ndlela? Okanye ngaba iBhayibhile yahlukile?

      [Amagama acatshulweyo akwiphepha 4]

      “Iziprofeto zeBhayibhile . . . zininzi gqitha ukuba zingazaliseka ngamabona ndenzile.”—IGQWETHA LIHLOLA IBHAYIBHILE, NGUIRWIN H. LINTON

      [Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 4]

      © Robert Harding Picture Library/SuperStock

  • Imbali, Kungekhona Intsomi
    IMboniselo—2012 | Juni 1
    • Imbali, Kungekhona Intsomi

      “Ndiye ndazilanda zonke izinto ukususela kwasekuqaleni ngokuchanileyo.”—LUKA 1:3.

      YAHLUKE NJANI IBHAYIBHILE? Amabali neentsomi abalisa ngeziganeko ezimnandi ekungachazwayo indawo ezenzeka kuyo iziganeko, imihla nabantu ekuthethwa ngabo. Ngokwahlukileyo koko, iBhayibhile iquka iinkcukacha ezingokwembali eziqinisekisa abafundi ukuba “amazwi ayo yinyaniso engangxengwanga.”—INdumiso 119:160, The Psalms for Today, nguR. K. Harrison.

      UMZEKELO: IBhayibhile inikela ingxelo yokuba “UNebhukadenetsare ukumkani waseBhabhiloni . . . uYehoyakin [uKumkani wakwaYuda] wamthabathela ekuthinjweni eBhabhiloni.” Kamva, “uEvili-merodaki ukumkani waseBhabhiloni, ngonyaka wokuba ngukumkani kwakhe, wayiphakamisa intloko kaYehoyakin ukumkani wakwaYuda endlwini yamabanjwa.” Ukongezelela koko, “wayenikwa umxhesho ovela kukumkani rhoqo, mihla le njengemfanelo, yonke imihla yobomi bakhe.”—2 Kumkani 24:11, 15; 25:27-30.

      OKO KUFUNYANISWE NGABEMBI BEZINTO ZAKUDALA: Kumabhodlo aseBhabhiloni yamandulo, abembi bezinto zakudala baye babhaqa amaxwebhu olawulo asusela ngexesha likaNebhukadenetsare II. Adwelisa imixhesho eyayinikwa amabanjwa nabanye abantu ababexhomekeke komkhulu. Olu ludwe luquka “uYaukin [uYehoyakin], owayengukumkani “ wakwaYahud (Yuda),” nendlu yakhe. Kuthekani ngalowo wangena ezihlangwini zikaNebhukadenetsare, uEvili-merodaki? Umbhalo osengqayini ofunyenwe kufutshane nesixeko saseSusa uthi: “Ibhotwe likaAmil-Marduk [uEvili-merodaki], uKumkani waseBhabhiloni, unyana kaNebhukadenetsare, uKumkani waseBhabhiloni.”

      UTHINI WENA? Ngaba ikho enye incwadi yonqulo eneenkcukacha nechane njengayo kwimbali. Okanye ngaba iBhayibhile yahlukile?

      [Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]

      “Umlibo neendawo ethetha ngazo zichanile yaye zinokuthenjwa kunazo naziphi ezinye iincwadi zamandulo.”—UKUPHANDWA KWETESTAMENTE ENDALA NGOKWENZULULWAZI, NGUROBERT D. WILSON

      [Umfanekiso okwiphepha 5]

      Ixwebhu laseBhabhiloni elikhankanya ukumkani uYehoyakin wakwaYuda

      [Inkcazelo]

      © bpk, Berlin/Vorderasiatisches Museum, SMB/Olaf M. Tessmer/Art Resource, NY

  • Ichanile Ngokwenzululwazi
    IMboniselo—2012 | Juni 1
    • Ichanile Ngokwenzululwazi

      “Andikubhalelanga na ngaphambili ngamacebiso nokwazi, ukuze ndikubonise amazwi enyaniso, ukuba uphendule ngamazwi enyaniso?”—IMIZEKELISO 22:20, 21.

      YAHLUKE NJANI IBHAYIBHILE? Kwiincwadi zakudala kudla ngokubhalwa ngeengcamango ezijongwa njengezibubuvuvu yinzululwazi yale mihla. Nangoku, ababhali kufuneka bamane bezihlaziya iincwadi zabo ukuze zivisisane nezinto ezintsha eziye zafunyaniswa. Kodwa iBhayibhile ithi yabhalwa nguMdali yaye iLizwi lakhe “lihlala likho ngonaphakade.”—1 Petros 1:25.

      UMZEKELO: UMthetho kaMoses wayalela amaSirayeli ukuba aligqume ngomhlaba ilindle lawo “ngaphandle kwenkampu.” (Duteronomi 23:12, 13) Ukuba ayechukumisa isilwanyana esifileyo okanye umntu obhubhileyo, kwakufuneka ahlambe ngamanzi. (Levitikus 11:27, 28; Numeri 19:14-16) Abantu abaneqhenqa babehlaliswa bodwa de kuqinisekwe ukuba baphilile.—Levitikus 13:1-8.

      OKO KUTYHILWA ZIZAZI NGAMAYEZA: Ukulahlwa kwelindle kwindawo efanelekileyo, ukuhlamba izandla nokuhlaliswa komntu onesifo esosulelayo yedwa iseziindlela eziphumelelayo zokulwa izifo. Ukuba azikho izindlu zangasese okanye ezinye iindlela zokugutyula ilindle, iU.S. Centers for Disease Control and Prevention (CDC) icebisa ukuba: “Uzithume kumgama weemitha ezingama-30 kude namanzi uze uligqumelele ngomhlaba ilindle lakho.” Ukuba abantu bazithuma ngendlela efanelekileyo, banciphisa izifo zesisu ngama-36 ekhulwini, ngokutsho kweWorld Health Organization. Ngaphantsi kweminyaka engama-200 eyadlulayo, oogqirha bafumanisa ukuba bosulela abantu abaninzi ngezifo xa babengazihlambi izandla zabo emva kokuba bephethe izidumbu. ICDC ithi ukuhlamba izandla “iseyeyona ndlela iphumelelayo yokuthintela ukosulelwa zizifo.” Kuthekani, ngokuhlaliswa kwabantu abaneqhenqa bodwa okanye abanezinye izifo? Kutshanje, iSaudi Medical Journal yathi: “Xa isifo sisandula ukuhlasela, ukumhlalisa yedwa umntu isenokuba yeyona ndlela ifanelekileyo yokulawula isifo esosulelayo.”

      UTHINI WENA? Ngaba ubunokulindela ukuba nayiphi na incwadi yakudala engcwele ivisisane nenzululwazi yale mihla? Okanye ngaba iBhayibhile yahlukile?

      [Amagama acatshulweyo akwiphepha 6]

      Akakho umntu ongenakuchukumiseka ngumgangatho wococeko wexesha lomthetho kaMoses—INCWADI YAMAYEZA NGUGQIRHA ALDO CASTELLANI NOALBERT J. CHALMERS

  • Ithala Elivisisanayo
    IMboniselo—2012 | Juni 1
    • Ithala Elivisisanayo

      “Isiprofeto asizange nangaliphi na ixesha siziswe ngokuthanda komntu, kodwa abantu bathetha ngokuphuma kuThixo njengoko babeqhutywa ngumoya oyingcwele.”—2 PETROS 1:21.

      YAHLUKE NJANI IBHAYIBHILE? Kwaneengxelo ezabhalwa ngaxeshanye zamaxesha amandulo zidla ngokungavisisani. Iincwadi ezibhalwe ngabantu abahlukahlukeneyo, kwiindawo ezahlukahlukeneyo, ngamaxesha awahlukahlukeneyo kunqabile ukuba zivisisane. Kodwa iBhayibhile ithi zonke iincwadi ezingama-66 zibhalwe nguMbhali omnye—inesigidimi esimanyeneyo nesivisisanayo.—2 Timoti 3:16.

      UMZEKELO: UMoses, umalusi wenkulungwane ye-16 Ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo, wabhala kwincwadi yokuqala yeBhayibhile ukuba kukho “imbewu” eza kusindisa uluntu. Kamva le ncwadi yachaza ukuba le mbewu iza kuphuma kumlibo ka-Abraham, uIsake noYakobi. (Genesis 3:15; 22:17, 18; 26:24; 28:14) Emva kweminyaka engama-500, umprofeti uNathan wachaza ukuba le mbewu iza kuphuma kumlibo kaDavide. (2 Samuweli 7:12) Emva kweminyaka eliwaka ukususela ngoko, umpostile uPawulos wachaza ukuba le mbewu yayiza kubunjwa nguYesu nabanye abalandeli bakhe abakhethileyo. (Roma 1:1-4; Galati 3:16, 29) Ekugqibeleni ekupheleni kwenkulungwane yokuqala Yexesha Eliqhelekileyo, incwadi yokugqibela yeBhayibhile yaprofeta ukuba amalungu ale nzala ayeza kunikela ubungqina ngoYesu apha emhlabeni, aze avuselwe ezulwini, alawule naye iminyaka eli-1 000. Le mbewu iyintlanganisela iza kutshabalalisa uMtyholi ize isindise uluntu.—ISityhilelo 12:17; 20:6-10.

      OKO KUTHETHWA NGABAHLALUTYI BEBHAYIBHILE: Emva kokuphengulula iincwadi zeBhayibhile ezingama-66 ngokucokisekileyo, uLouis Gaussen wabhala ukuba wakhwankqiswa “yindlela evisisana ngayo, yabhalwa iminyaka eliwaka elinamakhulu amahlanu ngababhali abaninzi, . . . nababhala ngento enye nangendlela efanayo, ngokuqhubekayo ngokungathi babeyiqonda into ababebhala ngayo, benosukelo olunye, imbali yokusindiswa kwehlabathi nguNyana kaThixo.”—Theopneusty—The Plenary Inspiration of the Holy Scriptures.

      UTHINI WENA? Ubuya kulindela ukuba incwadi eyabhalwa kwiminyaka engaphezu kwe-1 500 ngamadoda angama-40 awahlukahlukeneyo ivisisane ngokupheleleyo? Okanye ngaba iBhayibhile yahlukile?

      [Amagama acatshulweyo akwiphepha 7]

      “Xa zidityanisiwe kunye ezi ncwadi, zenza, incwadi enye . . . Ayikho into efana nayo, okanye esondeleyo kuyo, kuzo zonke iincwadi ezikhoyo.”—INGXAKI YETESTAMENTE ENDALA, NGUJAMES ORR

  • Iluncedo Namhlanje
    IMboniselo—2012 | Juni 1
    • Iluncedo Namhlanje

      “Ilizwi lakho lisisibane elunyaweni lwam, nokukhanya endleleni yam”—INDUMISO 119:105.

      YAHLUKE NJANI IBHAYIBHILE? Ezinye iincwadi ziyahlonelwa, kodwa azinakukukhokela ebomini. Neencwadi zanamhlanje ezisisikhokelo kuye kufuneke zihlaziywe ngokuqhubekayo. Kwelinye icala, iBhayibhile, ithi: “Zonke izinto ezabhalwa kwixesha langaphambili zabhalelwa ukuyalela thina.”—Roma 15:4.

      UMZEKELO: Nangona ingeyoncwadi yezamayeza, iBhayibhile inamacebiso aluncedo xa ugula. Ngokomzekelo ithi: “Intliziyo ezolileyo ibubomi kumzimba wenyama.” (IMizekeliso 14:30) IBhayibhile ilumkisa isithi: “Ozahlulayo uya kufuna ulangazelelo lwakhe lokuzingca; uya kuphambuka kubo bonke ubulumko bobuqili.” (IMizekeliso 18:1) Kwelinye icala, ithi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.”—IZenzo 20:35.

      OKO KUTYHILWA LUPHANDO: Ukuzola, ubuhlobo obusenyongweni nokuba nesisa kunokuyiphucula impilo yakho. IThe Journal of the American Medical Association inikela ingxelo yokuba: “Abantu abanephuku bachanabeka ngakumbi ekuhlaselweni sisitrowuku kunabantu abazibambayo xa benomsindo.” Kuphando olwalusenziwa eOstreliya olwathabatha iminyaka elishumi kwafunyaniswa ukuba abantu abadala “abanabahlobo nabantu abanokuzityand’ igila kubo” banamathuba angakumbi okuphila ubomi obude. Ngo-2008, abaphandi baseKhanada naseUnited States bafumanisa ukuba “xa unceda abanye abantu ngemali wonwaba ngakumbi kunaxa uzinomfa wedwa.”

      UTHINI WENA? Ngaba ubunokulithemba icebiso lezonyango kwimibandela yempilo elivela kwincwadi eyagqitywa ukubhalwa malunga neminyaka engama 2 000 eyadlulayo? Okanye ngaba iBhayibhile yahlukile?

      [Amagama acatshulweyo akwiphepha 8]

      “Nditsaleleka gqitha eBhayibhileni . . . kuba ihamba yodwa ngokunikela amacebiso kwezonyango.”—HOWARD KELLY, M.D., FOUNDING FACULTY MEMBER OF THE JOHNS HOPKINS UNIVERSITY SCHOOL OF MEDICINE

  • “Oku Kuthetha Ubomi Obungunaphakade”
    IMboniselo—2012 | Juni 1
    • “Oku Kuthetha Ubomi Obungunaphakade”

      “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.”—YOHANE 17:3.

      ULWAZI lunokusindisa ubomi. Xa uNouhou waye wagula eneenyanga ezilishumi ubudala, unina—owayekwangunontlalontle eNiger—wayesazi ukuba makenze ntoni. Wamenzela umxube webhotile owenziwe ngeswekile, ityuwa namanzi. Ngokutsho kweUNICEF, ngenxa yokusukela phezulu nokwazi indlela yokunyamekela impilo, umntwana wakhe wakhawuleza wachacha.”

      Ulwazi oluseBhayibhileni lunokubusindisa ubomi. Umbhali wokuqala weBhayibhile, uMoses wathi: “Asilizwi lingenaxabiso kuni eli, kodwa lithetha ubomi benu, yaye ngeli lizwi nisenokuyandisa imihla yenu.” (Duteronomi 32:47) Ngaba ngokwenene iBhayibhile inokubandisa ubomi bethu? Inokusinceda njani?

      Amanqaku amahlanu awandulela eli aye abonisa ukuba iBhayibhile yincwadi engena kuthelekiswa nayo nayiphi na enye ngokweziprofeto, ngokuthembeka, ngokwembali nangokuchana ngokwenzululwazi, ukuvisisana kwayo nangokunikela ukhokelo. Ezi nkalo ziyenza yahluke iBhayibhile. Xa ithembisa ngobomi obude—ubomi obungunaphakade—ngaba awufanelanga uziphe ixesha lokuyihlola?

      Siyakubongoza ukuba ufunde indlela ulwazi oluchanileyo lweBhayibhile olunokukunceda ngayo ngoku ube noxolo lwengqondo nobomi obumnandi kwikamva. AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukukubonisa indlela yokufumana ulwazi olu lolo hlobo.

      [Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 9]

      IBhayibhile iphinda yahluke kuba yiyo kuphela ekwaziyo ukuphendula imibuzo entsonkothileyo esinayo:

      • Kutheni silapha?

      • Kutheni kukho ukubandezeleka okungaka?

      • Ngaba likho ithemba ngabantu bam abaswelekileyo abathandekayo?

      Unokuzifumana iimpendulo zeBhayibhile zale mibuzo kule ncwadi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share