INGOMA 90
Khuthazanani
Printed Edition
	- 1. Ukuba siyakhuthazana - Ekukhonzeni uThixo, - Luyaqina ukholo lwethu, - Yaye kubakho uxolo. - Xa sikhuthazana ngothando, - Kuba lula ukukhonza. - Siziva sikhuselekile - Ebandleni lamaKristu. 
- 2. Kuthuthuzela ngokwenene - Ukukhuthazwa ngumhlobo. - Komeleza ukholo lwethu, - Kukwasinika namandla. - Ngoko masikhuthazaneni, - Sisebenze ngomanyano. - Khuthaza abatyhafileyo - Nabasindwayo ngumthwalo. 
- 3. Njengoko sele sikufuphi - Isiphelo sehlabathi, - Simele sihlanganisane, - Ukuze sikhuthazane. - Masimanyane enkonzweni - Nabazalwana noodade, - Sinamathele enkonzweni - Sithembeke kuYehova. 
(Funda nezi: Luka 22:32; IZe. 14:21, 22; Gal. 6:2; 1 Tes. 5:14.)