Ngaba Uza Kuba Ngumdumisi KaYehova Ngalo Disemba?
1 Kude kudala, uKumkani uDavide wabhala amazwi alandelayo okudumisa uKumkani wakhe wasezulwini, uYehova uThixo: “Ndiya kukuphakamisa, Thixo wam, wena Kumkani, ndilibonge igama lakho ngonaphakade kanaphakade. Imihla yonke ndiya kukubonga, ndilidumise igama lakho ngonaphakade kanaphakade.” (INdu. 145:1, 2) UDavide wayenolwalamano olusondele ngokumangalisayo noYehova yaye oku kwambangela ukuba athethe ngokunoxabiso ngoYehova. Kanye njengoDavide wamandulo, ngaba asinazizathu zaneleyo zokudanduluka ngovuyo, simdumise uYehova ngako konke asenzele kona?
2 Inyanga kaDisemba iza kusivulel’ amathuba amaninzi okudumisa uYehova. Sinokukwenza oku ngokuba nesabelo kumsebenzi wokushumayela, ngoxa sisiya kwiiNdibano Zesithili “Zentetho Enyulu,” naxa sikwiholide. Ngoxa ihlabathi liya lisonakala, thina njengabantu bakaYehova asifuni kulibala ukuba sibahlulele kuYehova ubomi bethu. Sifuna ukuhlala simdumisa uYehova. (INdu. 145:7, 10, 21) Ukuze sibe ngabadumisi abanyanisekileyo bakaYehova ebudeni bukaDisemba, simele sikhumbule ezi ngongoma zimbalwa.
3 Lungiselelani ukuba nesabelo esizeleyo kwinkonzo yasentsimini ngoDisemba njengentsapho. Ukuba niceba ukuya kwiholide, ncedani ningenise ingxelo yenu yenkonzo yasentsimini ngaphambi kokuba nihambe, ingakumbi ukuba nobe ningekabuyi ngomhla kaJanuwari 3, 1991. Nangona uDisemba efanele abe yeyona nyanga ibalaseleyo kuthi kubulungiseleli basentsimini, ekubeni abaninzi bekwiholide, oku akunjalo, kuba uninzi lwabazalwana bethu lusuka lulibale ukufaka ingxelo. Ngaba sinokwenza umgudu onamandla kulo nyaka ukunceda bonke abavakalisi ukuba nesabelo ekudumiseni uYehova entsimini baze bafake ingxelo kwangexesha? Sikhuthaza bonke abaqhubi bezifundo zencwadi ukunceda bonke kumaqela abo, enoba baza kuya kwiholide okanye akunjalo, ukuba bafake ingxelo kaDisemba.
UKUNIKELA INCWADI ETHI AMABALI EBHAYIBHILE
4 Ebudeni benyanga kaDisemba siza kube sinikela incwadi ethi Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile ngomnikelo wee-R7,50. Ngokukhethekileyo sikhuthaza abavakalisi abahamba isikolo ukuba benze umgudu okhethekileyo wokuba nesabelo ekusasazeni le ncwadi. Kuya kufuna inkalipho ukwenza oku, kodwa uYehova uya kuninika amandla afunekayo. Khangelani amathuba okwazisa abantu abaselula nabakhulileyo le ncwadi ithi Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile.
5 Unokuyiqalisa njani ingxubusho ngokusebenzisa le ncwadi? Usenokuthi: “Ngaba ucinga ukuba umhlaba uya kuze ube yindawo yolonwabo noxolo ukuba kungahlalwa kuyo?” Tyhila kwibali 71 uze uthethe ngeengongoma ezibalaseleyo ngokusuka kuIsaya 11:6-9 okanye kwiSityhilelo 21:3, 4. Okanye, unokuphakamisa lo mbuzo: “Ngaba ukufumanisa kunzima ukuchazela abantwana bakho ngeBhayibhile? Ukuba kunjalo, le ncwadi inokukunceda. Yiza ndikubonise indlela engakunceda ngayo ekuchazeni intsingiselo yoMthandazo weNkosi.” Hlola iingongoma ezibalaseleyo zebali 91.
6 Usenokudibana nabo sele benayo le ncwadi ethi Amabali EBhayibhile. Kutheni ungaceli ukuyifundisisa nabo njengentsapho? Kwakhona usenokufuna nokunikela olunye uncedo lweBhayibhile olufanelekileyo. Ngaba ukhe wacinga ngokunikela incwadi ethi Amabali EBhayibhile kubantu esitratweni? Abaninzi baye bakwenza oko, yaye bambi baye banemiphumo emihle. Ukuba uya kwiholide, kutheni ungahambi nemibhalo eliqela uze uyinikele kwiigaraji nakwezinye iindawo? Ungalibali ukuthabatha imibhalo yeelwimi ezithethwa ngabantu bakuloo ndawo uya kuyo.
7 Ngaba uza kuba phakathi kwamawaka amaninzi aza kumdumisa ngokuthembekileyo uYehova ebudeni bukaDisemba? Cebani kwangoku ukwenjenjalo njengentsapho ukuqinisekisa ukuba nani niya ‘kunyusa kuye uThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo somlomo olivumayo igama lakhe.’—Heb. 13:15.